Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Uziva Uphoxiwe NguThixo?

Ngaba Uziva Uphoxiwe NguThixo?

“KUTHENI uThixo evumela le nto yenzeke kum?” Lo ngumbuzo owawukhathaza uSidnei oneminyaka eyi-24 waseBrazil. Wakhubazeka kangangokuba kwafuneka ahambe ngesitulo esinamavili emva kokuba enzakele edlala umtyibilizi.

Intlungu ebangelwa kukwenzakala engozini, kukugula, kukuswelekelwa ngumntu omthandayo, yintlekele yemvelo okanye imfazwe yenza kube lula ukuba abantu bazive bephoxiwe nguThixo. Asiyonto ingaqhelekanga leyo. Usolusapho uYobhi wamandulo wehlelwa yintlungu emva kwenye. Ngempazamo, watyhola uThixo esithi: “Ndikhalela uncedo kuwe, kodwa akundiphenduli; Ndimile, ukuze uzibonise unikela ingqalelo kum. Uyazitshintsha ukuze ukhohlakale kum; Ngamandla esandla sakho ephela uba nenzondo kum.”—Yobhi 30:20, 21.

UYobhi wayengazi ukuba ukhohlakalelwe ngubani, engazi nokuba kutheni inguye okule ntlungu, nokuba kutheni ivunyelwe yenzeke. Okuvuyisayo kukuba iBhayibhile iyayiphendula yonke le mibuzo, ibe isixelela nento esimele siyenze.

NGABA UTHIXO WASIDALELA INKXWALEKO?

IBhayibhile ithi ngoThixo: “Ugqibelele umsebenzi wakhe, ngokuba zonke iindlela zakhe zisesikweni. NguThixo wentembeko, tu ubugqwetha; Lilungisa yaye uthe tye yena.” (Duteronomi 32:4) Ukuba kunjalo, ngaba uThixo ‘olilungisa nothe tye’ ebenokudala abantu aze abakhohlakalele, abavise intlungu kuba nje esithi uyabohlwaya okanye uyabahlambulula?

Ngokwahlukileyo koko, iBhayibhile isixelela ukuba: “Makungabikho nabani na, xa esesilingweni othi: ‘Ndilingwa nguThixo.’ Kuba uThixo akanakulingwa ngezinto ezimbi yaye naye akalingi namnye.” (Yakobi 1:13) Eyona nto siyivayo eBhayibhileni kukuba uThixo wabadala befezekile abantu. Wanika uAdam noEva ikhaya elihle nayo yonke into enokudingwa ngumntu, waza wabanika nomsebenzi owanelisayo. Wathi kubo, “Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba nize niwoyise.” Kuyacaca ukuba kwakungekho nto yayinokubenza bazive bephoxiwe nguThixo.—Genesis 1:28.

Namhlanje izinto azimntaka Ngqika. Eyona nto iboniswa yimbali kukuba uya usenyuka umnqantsa. Ayinyaniso amazwi athi: “Yonke indalo iyagcuma kwaye isentlungwini de kube ngoku.” (Roma 8:22) Konakala phi?

KUTHENI ABANTU BEGCUMA ZIINTLUNGU?

Ukuze siyiqonde kakuhle le nyewe, simele sibuyel’ endulo, apho yaqala khona. Bekhohliswa yingelosi engumvukeli eyabizwa ngokuba nguSathana uMtyholi kamva, uAdam noEva banyhasha imigaqo eyayibekwe nguThixo yokulungileyo nokubi eyayimelwa ngumyalelo wokungatyi kumthi “wokwazi okulungileyo nokubi.” UMtyholi watyhola uThixo ngokuba lixoki xa waxelela uEva ukuba babengazi kufa xa betyile kuloo mthi. Wamtyhola nangokuba uvimba izidalwa zakhe ilungelo lokuzigqibela ukuba yintoni elungileyo nengalunganga. (Genesis 2:17; 3:1-6) Lilonke, uSathana wayesithi abantu bangonwaba gqitha xa bengenakulawulwa nguThixo. Zonke ezi zityholo zashiya kujinga umbuzo onobuzaza othi, Ngaba uThixo uyakufanalekela ukulawula?

UMtyholi waphakamisa nesinye isityholo. Wathi abantu bamkhonza uThixo kuba befuna amaqithiqithi. Wathi ngendoda ethembekileyo uYobhi: “Ngaba wena akumbiyelanga yena nendlu yakhe nayo yonke into anayo macala onke? . . . Kodwa, ngokwahlukileyo koko, khawuncede wolule isandla sakho, uchukumise yonke into anayo uze ubone enoba akayi kukuqalekisa ebusweni bakho na.” (Yobhi 1:10, 11) Nakuba uSathana wayethetha ngoYobhi kule vesi, amazwi akhe ayequka uluntu luphela.

INDLELA UTHIXO AZIPHENDULA NGAYO EZI ZITYHOLO

Yeyiphi eyona ndlela yokusingatha le nyewe inobuzaza ize ingaphinde ivele? UThixo onobulumko obugqibeleleyo weza nendlela ephum’ izandla yokuyisingatha, indlela engenakushiya namnye eziva ephoxekile. (Roma 11:33) Wagqiba kwelokuba abavumele abantu bazilawule kangangexesha elithile ukuze kucace ukuba ngubani okufanelekelayo ukulawula.

Imeko yabantu emaxongo emhlabeni ibubungqina obungenakuphikiswa bokuba ulawulo lwabantu lusilele ngokulusizi. Oorhulumente abohlulekanga nje ekuziseni uxolo, ukhuseleko, nolonwabo kuphela, baye bonakalisa nomhlaba ngendlela engathethekiyo. Oku kungqina indlela ayinyaniso ngayo amazwi eBhayibhile athi: “Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe.” (Yeremiya 10:23) Lulawulo lukaThixo kuphela olunokuzisela abantu uxolo, ulonwabo nempumelelo ehlala ihleli, kuba wabadala enaloo njongo kakade kwasekuqaleni.—Isaya 45:18.

UThixo uza kuzizalisekisa njani ezi zithembiso? Khumbula kaloku ukuba uYesu wathi: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.” (Mateyu 6:10) NgoBukumkani bakhe, uThixo uza kuyiphelisa yonke le nkxwaleko bakuyo abantu ngexesha elifanelekileyo. (Daniyeli 2:44) Ngelo xesha kuya kuba ngathi uthetha intsomi xa uthetha ngendlala, izifo nokufa. Ithi iBhayibhile ngabo bangathathi ntweni, uThixo uza “kumhlangula lowo ulihlwempu ukhalela uncedo.” (INdumiso 72:12-14) Ibe ithi ngabagulayo: “Akakho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula.’” (Isaya 33:24) UYesu uthi ngabo bafileyo basenkumbulweni kaThixo: “Liyeza ilixa ekuya kuthi ngalo bonke abo bakumangcwaba enkumbulo balive ilizwi lakhe baze baphume.” (Yohane 5:28, 29) Zitsho kuthi ngco entliziyweni ezi zithembiso!

Ukwakha ukholo kwizithembiso zikaThixo kusinceda singavakalelwa kukuba uye wasiphoxa

UKWAHLUKANA NOKUPHOXEKA

Emva kweminyaka eyi-17 enzakele uSidnei ekuthethwe ngaye ekuqaleni wathi: “Nangona ndingazange ndimtyhole uYehova uThixo ngesihelegu esandehlelayo, kodwa ndiyavuma ukuba ndavakalelwa kukuba undiphoxile. Ngezinye iintsuku xa ndicinga ngokukhubazeka kwam, ndiye ndizive ndiphantsi, ndide ndilile nokulila. Kodwa iBhayibhile iye yandinceda ndazi ukuba, ingozi eyandehlelayo yayingesiso isohlwayo sivela kuThixo. Njengokuba iBhayibhile isitsho, abantu ‘behlelwa lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.’ Ukuthandaza nokufunda izibhalo ezindomelezayo kuye kwandinceda ndasondela ngakumbi kuThixo ndaza ndahlala ndonwabile.”—INtshumayeli 9:11; INdumiso 145:18; 2 Korinte 4:8, 9, 16.

Ukuhlala sikhumbula isizathu sokuba uThixo evumele ezi nkxwaleko, nokuba kungekudala uza kusihlangula kule meko kusinceda singavakalelwa kukuba uye wasiphoxa nangayiphi na indlela. Siqinisekiswa ukuba “ungumvuzi wabo bamfuna ngenyameko.” Akukho namnye othembele kuye nakuNyana wakhe oya kuphoxeka.—Hebhere 11:6; Roma 10:11.