Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Kutheni iBhayibhile ineziprofeto nje?

Kutheni iBhayibhile ineziprofeto zezinto ezenzeka kwixesha lethu?—Luka 21:10, 11.

IBhayibhile ineziprofeto ezininzi ezineenkcukacha. Akakho umntu onokuchaza ikamva ngokuchane nje ngazo. Ngoko xa iziprofeto zeBhayibhile zizaliseka, zisinika ubungqina obubambekayo bokuba iBhayibhile liLizwi likaThixo.—Funda uYoshuwa 23:14; 2 Petros 1:20, 21.

Iziprofeto zeBhayibhile ezisele zizalisekile zisinika isizathu sokuba nokholo kuThixo. (Hebhere 11:1) Ziphinda zisiqinisekise ukuba izithembiso zikaThixo ngekamva ziza kuzaliseka. Ngenxa yoko iziprofeto zeBhayibhile zisinika ithemba eliqinisekileyo.—Funda iNdumiso 37:29; Roma 15:4.

Zisinceda njani iziprofeto zeBhayibhile?

Ezinye iziprofeto zilumkisa abakhonzi bakaThixo ukuze bazi into abamele bayenze. Ngokomzekelo, xa amaKristu enkulungwane yokuqala abona ezinye iziprofeto zizaliseka, emka eYerusalem. Ngoxa sasitshatyalaliswa eso sixeko kuba abantu baso bengazange bamamkele uYesu, amaKristu ayesele engabonakali nangotshengele.—Funda uLuka 21:20-22.

Namhlanje, iziprofeto ezizalisekileyo zisinceda sibone ukuba uBukumkani BukaThixo buza kuzitshayela zithi nya izikumkani zabantu noorhulumente. (Daniyeli 2:44; Luka 21:31) Yiloo nto kufuneka mntu ngamnye asebenze nzima ukuze akholise uKumkani uYesu Kristu, owamiselwa nguThixo.—Funda uLuka 21:34-36.