Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukunceda Abo Baphethwe Kakubi Emakhayeni Abo

Ukunceda Abo Baphethwe Kakubi Emakhayeni Abo

 IWorld Health Organization (WHO) ithi: “Emhlabeni wonke abantu bawaphatha kakubi amabhinqa. Le ngxaki ikho kuyo yonke indawo, ibe ifana nesifo esingubhubhani esosulelayo. Kumele kwenziwe into ngokukhawuleza ukuze kupheliswe le ngxaki.” IWHO iqikelela ukuba aphantse abeyi-30 pesenti “amabhinqa aye atshata okanye athandanayo aye aphathwa kakubi okanye axhatshazwa ngokwesondo” ngabantu athandana nabo. Ingxelo yeZizwe Ezimanyeneyo nayo iqikelela ukuba qho ngosuku, kusweleka amabhinqa ayi-137 ebulawa ngabantu athandana nawo okanye lilungu lentsapho. a

 Iingxelo zokuphathwa kakubi kwabantu zenza kucace ukuba inkulu kangakanani le ngxaki, kodwa azisichazeli nto ngentlungu nangendlela abaye bazive ngayo abo baye baphathwa kakubi.

 Ngaba ungomnye wabo baphathwa kakubi? Okanye ukhona umntu omaziyo okule ngxaki? Ukuba kunjalo, khawujonge ukuba iBhayibhile ingakunceda njani.

  Ayinguwe obangela ukuba uphathwe kakubi

  Ungalufumana uncedo

  Awukho wedwa

  Ukuphathwa kakubi kuza kuphela

  Indlela yokunceda umntu ophethwe kakubi

 Ayinguwe obangela ukuba uphathwe kakubi

 Into ethethwa yiBhayibhile: “Ngamnye wethu uza kuziphendulela kuThixo.”—Roma 14:12.

 Ungalibali ukuba: Ngulowo ukuphatha kakubi onetyala.

 Ukuba umntu othandana naye utyhola wena xa ekuphatha kakubi, akananyani. Abafazi bamele bathandwe, bangaphathwa kakubi.—Kolose 3:19.

 Ngamanye amaxesha, umntu ophatha kakubi abanye ubangelwa kukuba unesigulo anaso, yindlela akhule ngayo okanye usela utywala kakhulu. Nokuba kunjalo, uza kuphendula kuThixo ngendlela akuphatha ngayo. Umele enze konke anokukwazi ukukwenza ukuze atshintshe iindlela zakhe.

 Ungalufumana uncedo

 Into ethethwa yiBhayibhile: “Ininzi into ephunyezwayo xa bebaninzi abacebisi.”—IMizekeliso 15:22.

 Ungalibali ukuba: Ukuba uziva ungakhuselekanga okanye awazi ukuba mawenze ntoni, abanye bangakunceda.

 Kutheni kufuneka ufumane uncedo kwabanye? Ukuba uphathwa kakubi, zininzi izinto ekufuneka ucinge ngazo. Kunganzima ukukhetha ukuba uqale ngeyiphi kwezi zinto zibalulekileyo zilandelayo:

  •   Ukhuseleko lwakho

  •   Into eza kunceda abantwana bakho

  •   Iimeko zemali

  •   Indlela omthanda ngayo umntu othandana naye

  •   Ufuna ukuqhubeka uthandana naye ukuba uyatshintsha

 Kuyinto eqhelekileyo ukuvakalelwa ngathi ingxaki yakho inkulu kakhulu nokungayazi ukuba mawenze ntoni. Ungalufumana kubani uncedo?

 Umhlobo okanye umntu okwintsapho yakho omthembayo angakuxhasa aze akuncede uzive bhetele. Ukuthetha nomntu okukhathaleleyo kungakunceda kakhulu.

 Iindawo ezinceda abantu abaphathwa kakubi zingakunceda ngokukhawuleza. Abantu abasebenza kwezi ndawo bangakunceda wazi ukuba umele wenze ntoni ukuze uzikhusele. Ukuba umntu othandana naye uyafuna ukuyeka ukukuphatha kakubi ibe uyafuna nokutshintsha, ezi ndawo zinceda abantu zingamchazela ngezinto amele aqale azenze.

 Ezinye iindlela zokukunceda xa usengxakini zingakhawuleza zikuncede xa usengozini. Ezi ndlela ziquka oogqirha, iinesi nabanye abaqeqeshelwe ukunceda.

 Awukho wedwa

 Into ethethwa yiBhayibhile: “UYehova b usondele kwabo baphuke intliziyo; uyabasindisa abo batyumkileyo emoyeni.”—INdumiso 34:18.

 Khumbula oku: UThixo ukuthembisa ukukunceda.

 UYehova ukukhathalele nyhani. (1 Petros 5:7) Uyayazi indlela oziva nocinga ngayo. Angakuthuthuzela ngeLizwi lakhe, iBhayibhile. Ufuna uthandaze kuye. Xa uthandaza, unokumcela ukuba akuphe ubulumko namandla okumelana nengxaki onayo.—Isaya 41:10.

 Ukuphathwa kakubi kuza kuphela

 Into ethethwa yiBhayibhile: “Umntu ngamnye uza kuhlala phantsi komthi wakhe weediliya naphantsi komthi wakhe wamafiya, Kungabikho mntu uboyikisayo.”—Mika 4:4, umbhalo osemazantsi.

 Ungalibali ukuba: IBhayibhile ithembisa ukuba kungekudala wonke umntu uza kuba nekhaya elinoxolo.

 UYehova uThixo uza kuziphelisa zonke iingxaki esinazo. IBhayibhile ithi: “Uza kuzosula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu.” (ISityhilelo 21:4) Ngeloo xesha, izinto ezimbi azizukukhunjulwa, kuba kuza kubakho izinto ezilungileyo. (Isaya 65:17) IBhayibhile ikuthembisa ukuba kuza kubakho uxolo kwixesha elizayo.

a Eli nqaku lithetha ngamabhinqa aye aphathwa kakubi, kodwa izinto ezininzi ekuza kuthethwa ngazo ziyenzeka nakumadoda.

b UYehova ligama likaThixo njengoko lichaziwe eBhayibhileni.