Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Lawulwa ‘Ngumthetho Wobubele’

Lawulwa ‘Ngumthetho Wobubele’

“NDIZIBONA zonke, kodwa eyona nto ndaphuma nayo bububele babazalwana noodade.” Watsho njalo uLisa xa wayethetha ngento eyamenza wafuna ukufunda inyaniso. * Kwenzeka into efanayo nakuAnne, wathi, “Eyona nto yandenza ndanomdla bububele endabenzelwayo ngaphezu kwento endandiyifundiswa.” Bobabini aba dade bayakuthanda ukufunda iBhayibhile nokucingisisa ngayo, kodwa ke eyona nto yabatshintshayo bububele ababenzelwayo.

Singabenzela njani abany’ abantu ububele abangasoze babulibale? Masithethe ngeendlela ezimbini: ngolwimi lwethu nangezinto esizenzayo. Emva koko sithethe ngokuba ngoobani esifanele sibenzele ububele.

“UMTHETHO WOBUBELE” ELULWIMINI LWAKHO

Umfazi ekuthethwa ngaye kwiMizekeliso 31 ‘unomthetho wobubele’ elulwimini lwakhe. (IMize. 31:26) Uvumela lo mthetho ulawule izinto azithethayo nendlela athetha ngayo. Nootata benza kakuhle xa benalo “mthetho” elulwimini lwabo. Abazali abaninzi bayazi ukuba amazwi ahlabayo awamphathi kakuhle umntwana. Xa abazali bethetha rhabaxa, umntwana usenokungayamkeli kakuhle loo nto bayithethayo kuye. Ngoko kungakuhle ukuba abazali bazame ukuthetha ngobubele, ukuze kube lula ukuba abantwana bayithande baze bayimamele into abayithethayo.

Nokuba ungumzali okanye awunguye, ungalwenza njani ulwimi lwakho lulawulwe bububele? IMizekeliso 31:26 isithela thsuphe: “Kuphuma ubulumko emlonyeni wakhe.” Loo nto ithetha ukuyigada into esiyithethayo nendlela esiyithetha ngayo. Kuza kusinceda ukuqala sizibuze ukuba, ‘Ngaba le nto ndiza kuyithetha iyawunyusa umsindo, okanye imenza azole umntu obenomsindo?’ (IMize. 15:1) Kububulumko nyhani ukucinga ngaphambi kokuthetha.

Omnye umzekeliso uthi: “Amazwi omntu othetha engacinganga ahlaba okwekrele.” (IMize. 12:18) Xa sicinga ngamazwi ethu nendlela esiwathetha ngayo ebenza bazive ngayo abanye, siza kukwazi ukulawula izinto esizithethayo. Ukuba sisebenzisa “umthetho wobubele” xa sithetha, asizuthetha amazwi ahlabayo singazuthetha nangendlela engenabubele. (Efe. 4:31, 32) Endaweni yokucinga nokuthetha izinto ezimbi, amazwi ethu nendlela esiwathetha ngayo iza kuba nobubele ize ibakhuthaze abanye. Wayenza kakuhle le nto uYehova xa wayeqinisekisa umkhonzi wakhe uEliya owayesoyika. Ingelosi eyayimela uYehova yathetha ‘ngelizwi elizolileyo neliphantsi.’ (1 Kum. 19:12) Kodwa ke, ukuba nobubele akupheleli nje ekuthetheni ngendlela enobubele. Kufuneka senze nezinto ezibonisa ukuba sinobubele. Njani?

UKUBENZELA UBUBELE ABANYE KUYABAKHUTHAZA

Silinganisa uYehova xa amazwi ethu obubele ekhatshwa zizenzo. (Efe. 4:32; 5:1, 2) ULisa, ekuthethwe ngaye ekuqaleni, wathi xa echaza ububele awabenzelwa ngamaNgqina: “Xa mna nentsapho yam kwanyanzeleka ukuba sifuduke ngokukhawuleza, abazalwana ababini nabafazi babo bathatha i-off emsebenzini ukuze basincedise xa sipakisha. Ndandingekafundiswa neBhayibhile ngelo xesha!” Obo bubele wabenzelwayo bamenza wafuna ukufunda inyaniso.

UAnne, ekuthethwe ngaye ekuqaleni kweli nqaku, naye waba nombulelo kakhulu ngobubele awabenzelwa ngamaNgqina. Wathi: “Ngenxa yendlela abantu abayiyo phandl’ apha, kwakunzima kum ukuthemba omny’ umntu.” Wathi xa eqhubeka: “Ukuqala kwam ukudibana namaNgqina, ndandingawathembi ncam. Ndandizibuza ukuba, ‘Kutheni endihoye kangaka?’ Kodwa kuba ndandibona ukuba umntu owayendifundisa iBhayibhile wayenobubele nyhani, ndaye ndamthemba.” Ikhon’ into entle eyaphumayo? “Ethubeni, ndatsho ndakwazi ukucinga kakuhle ngento endandiyifunda.”

Uyayibona into eyachukumisa kakhulu uLisa noAnne, neyabenza bafuna ukufunda inyaniso? Luthando nobubele ababenzelwa ngabantu basebandleni. Ububele ababenzelwayo babanceda bamthemba uYehova nabantu bakhe.

ZIFUNDISE UKUFANA NOTHIXO, UBE NOBUBELE KWABANYE

Kwabanye ingayinto ezenzekelayo ukuthetha amazwi obubele nokuncuma ngenxa yendawo abakhulele kuyo okanye indlela abakhuliswe ngayo. Yintw’ entle leyo. Kodwa ukuba sinjalo ngenxa yobuntu bethu okanye indlela esikhuliswe ngayo kuphela, loo nto ayithethi kuthi silinganisa uThixo ngokuba nobubele.​—Thelekisa iZenzo 28:2.

Ububele bukaThixo lolunye lweempawu ezakha isiqhamo somoya kaThixo. (Gal. 5:22, 23) Ngoko ukuze sibe nobu bubele kufuneka sivumele umoya kaThixo usincede kwizinto esizicingayo nesizenzayo. Xa sisenza loo nto siza kutsho sikwazi ukulinganisa uYehova noYesu. Kwakhona, njengoYesu, sinomdla nyhani ebantwini. Ngoko into esenza sibe nobubele kukuthanda uYehova uThixo nabantu. Butsho bube yinto esuka entliziyweni nethandwayo nguThixo.

SIFANELE SIBE NOBUBELE KUBANI?

Kunokuba lula ukuba nobubele ebantwini abanobubele kuthi okanye kwabo sibaziyo. (2 Sam. 2:6) Loo nto siyenza ngokubabulela. (Kol. 3:15) Kodwa siza kuthini ukuba siziva ngathi umntu othile akafanelwanga kuphathwa ngobubele?

Khawucinge ngale nto: uYehova akanantanga ekuboniseni ububele obungasifanelanga, ibe iLizwi lakhe lisifundisa isifundo esibalulekileyo ngendlela yokubonisa olu phawu. Asetyenziswe kaninzi amazwi athi “ububele obungasifanelanga” kwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike. UThixo usenzela njani ububele?

Cinga ngeemiliyoni zabantu uYehova aye wabonisa ububele bakhe kuzo ngokuzinika izinto ezizidingayo ukuze ziqhubeke ziphila. (Mat. 5:45) Phofu, uYehova ubenzele ububele abantu bengekamazi nokumazi. (Efe. 2:4, 5, 8) Ngokomzekelo, unike bonke abantu eyona nto ixabisekileyo kuye, uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo. Umpostile uPawulos wabhala wathi uYehova wahlawulela abantu “ngenxa [yobubele obungasifanelanga] obuninzi.” (Efe. 1:7, umbhalo osemazantsi) Ngaphezu koko, nangona simona uYehova futhi simphoxa, akayeki ukusikhokela nokusifundisa. Izinto azifundisayo namazwi akhe ‘anjengomkhwitsho.’ (Dut. 32:2) Soze sikwazi ukumbhatala ngenxa yobubele asenzela bona. Inyani kukuba ikamva lethu lixhomekeke kububele bukaYehova.​—Thelekisa u-1 Petros 1:13.

Asithandabuzi ukuba ububele bukaYehova buyathandeka futhi buyakhuthaza. Ngenxa yaloo nto, endaweni yokukhetha ukuba siza kuba nobubele kubani, simele sizame ukulinganisa uYehova ngokuba ububele bube yinto esegazini kuthi. (1 Tes. 5:15) Xa kuyinto yethu ukuba nobubele, siza kuba njengomlilo ofudumezayo ngemini ebandayo. Siza kubathuthuzela abantu abakwiintsapho zethu, esikhonza nabo, esisebenza nabo, esifunda nabo, nabamelwane bethu kanti.

Cinga ngabantu abakwintsapho yakho okanye abasebandleni abaza kuncedakala xa usiba nobubele kubo ngamazwi nangezenzo. Mhlawumbi ukhona umntu ebandleni lakho odinga ukuncedwa endlini nasegadini, okanye ukuyelwa evenkileni. Kanti naxa udibana nomntu odinga uncedo entsimini, ungakhangela indlela onokumnceda ngayo.

Linganisa uYehova ke, amazwi nezenzo zakho zihlale zilawulwa ‘ngumthetho wobubele.’

^ Amagama atshintshiwe.