Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 25

UYehova Uyamsikelela Umntu Oxolelayo

UYehova Uyamsikelela Umntu Oxolelayo

“Xolelanani ngokusuka entliziyweni kanye njengoko uYehova wanixolela ngokusuka entliziyweni.”​—KOL. 3:13.

INGOMA 130 Xolela

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. UYehova ubaqinisekisa ngantoni aboni abaguqukayo?

 UYEHOVA nguMdali wethu, uMniki-mthetho noMgwebi, kodwa ukwanguTata wethu osezulwini osithandayo. (INdu. 100:3; Isa. 33:22) Xa simonile size siguquke ngokusuk’ entliziyweni, akapheleli nje ngokuba negunya lokusixolela, kodwa ukufuna nyhani ukusixolela. (INdu. 86:5) Esebenzisa umprofeti uIsaya, uYehova usiqinisekisa ngamazwi athi: “Nangona izono zenu zibomvu njengegazi, ziza kwenziwa mhlophe njengekhephu.”​—Isa. 1:18.

2. Yintoni esimele siyenze ukuze sivane nabanye abantu?

2 Sinesono, ngoko siye sithethe size senze izinto ezibakhathazayo abantu. (Yak. 3:2) Kodwa loo nto ayithethi kuthi asinakuvana nabo. Ukuba sifunda ukuxolela, sinokuvana nabo. (IMize. 17:9; 19:11; Mat. 18:21, 22) Xa umntu eye wasikhathaza ngento nje encinci, uYehova ufuna simxolele. (Kol. 3:13) Sinesizathu esivakalayo sokuyenza loo nto. Kaloku nathi uYehova usixolela “kakhulu.”​—Isa. 55:7.

3. Kuza kuthethwa ngantoni kweli nqaku?

3 Kweli nqaku siza kuva ukuba abantu abanesono bangakwazi njani ukuxolela njengoYehova. Zeziphi izono esimele sizise kubadala? Kutheni uYehova efuna sibaxolele abantu? Yintoni esinokuyifunda kubazalwana noodade abaye baphila kabuhlungu ngenxa yezinto abazenziwe ngabanye abantu?

XA UMKRISTU ENZE ISONO ESINZULU

4. (a) Yintoni amele ayenze umkhonzi kaYehova xa enze isono esinzulu? (b) Yintoni emele yenziwe ngabadala xa bexoxa ityala lomntu owonileyo?

4 Izono ezinzulu zimele zisiwe kubadala. Ezinye zezo zono zichazwe kuma-1 Korinte 6:9, 10. Kuye kuthiwe isono sinzulu xa umntu ewaphule ngeyona ndlela imbi umthetho kaThixo. Xa umKristu enze isono esinzulu, umele athandaze kuYehova uThixo, acele amxolele, aze aye kuzixela kubadala. (INdu. 32:5; Yak. 5:14) Yintoni eza kwenziwa ngabadala? NguYehova qha onegunya lokuzixolela ngokupheleleyo izono. Uzixolela ngenxa yedini likaKristu. * Kodwa ubeke abadala ukuba ibe ngabo abajongayo bencedwa ziZibhalo ukuba umntu owonileyo angahlala na ebandleni. (1 Kor. 5:12) Enye yezinto abazenzayo, kukuzama ukufumana iimpendulo zale mibuzo: Ngaba lo mKristu ebezixelele ukuba uza kusenza esi sono? Ngaba uye wazama ukusifihla kwabanye abantu? Ngaba kudala esenza? Eyona mpendulo ibalulekileyo abafuna ukuyifumana yeyalo mbuzo: Yintoni ebonisa ukuba uzisola nyhani ngale nto ayenzileyo? Zikhona izinto ezibonisa ukuba uYehova umxolele?​—IZe. 3:19.

5. Unceda njani umsebenzi wabadala?

5 Xa abadala bexoxa ityala, bafuna ukwenza isigqibo esifana neso sesenziwe kakade ezulwini. (Mat. 18:18) Ilinceda njani ibandla loo nto? Iyalikhusela kuba aboni abangaguqukiyo baye bakhutshelwe ngaphandle ukuze bangazonakalisi izimvu zikaThixo. (1 Kor. 5:6, 7, 11-13; Tito 3:10, 11) Isenokumnceda naloo mntu wonileyo aguquke, aze axolelwe nguYehova. (Luka 5:32) Abadala baye bamthandazele umntu oguqukileyo, becela uYehova ukuba amvumele aphinde abe ngumhlobo wakhe.​—Yak. 5:15.

6. Ukuba umntu ukhutshelwe ngaphandle, ngaba kunokwenzeka ukuba uYehova amxolele? Cacisa.

6 Masithi abadala bayabona ukuba lo mntu akaguqukanga xa bethetha naye. Ukuba kunjalo, uza kukhutshelwa ngaphandle. Ukuba waphule umthetho karhulumente, abadala abazukuyifihla into ayenzileyo kuba befuna angohlwaywa ngurhulumente. UYehova uvumele abasemagunyeni ukuba bamgwebe futhi bamohlwaye nabani na owaphule umthetho, nokuba uguqukile okanye akaguqukanga. (Rom. 13:4) Kodwa ukuba ekuhambeni kwexesha loo mntu ubuyela ezingqondweni, aze aguquke, uYehova ukulungele ukumxolela. (Luka 15:17-24) Umxolela nokuba imbi kangakanani into ayenzileyo.​—2 Kron. 33:9, 12, 13; 1 Tim. 1:15.

7. Yeyiphi indlela esinokumxolela ngayo umntu osonileyo?

7 Kusivuyisa kakhulu ukwazi ukuba ayingomsebenzi wethu ukugqiba ukuba uYehova uza kumxolela na umntu owonileyo! Kodwa ikhona into ekufuneka senze isigqibo kuyo. Yintoni? Ngamanye amaxesha umntu usenokona thina aze acele uxolo. Kanti omnye usenokungaxolisi. Sekunjalo sinako ukumxolela ngokuthi siyeke ukucaphuka. Ewe kona kusenokuthath’ ixesha futhi kungabikho lula, ingakumbi ukuba usikhathaze kakhulu. IMboniselo kaSeptemba 15, 1994 ithi: “Xa uxolela umoni, oku akuthethi ukuba usibetha ngoyaba isono. KumKristu, ukuxolela kuthetha ukuwushiyela ngentembelo loo mbandela ezandleni zikaYehova. UngumGwebi olilungisa wayo yonke indalo, yaye uya kwenza okusesikweni ngexesha elifanelekileyo.” Kutheni uYehova esithi masixolele, siyeke ibe nguye ogwebayo? 

KUTHENI UYEHOVA ESITHI MASIXOLELE

8. Ukuba siyayibulela indlela uYehova asixolela ngayo, yintoni esiza kuyenza?

8 Xa sixolela sibonisa ukuba siyambulela uYehova ngenceba yakhe. Komnye umzekeliso, uYesu wafanisa uYehova nenkosi eyacima ityala elikhulu lekhoboka elalingakwazi ukulibhatala. Kodwa elo khoboka zange libe nanceba kwelinye elalilityala imali encinci. (Mat. 18:23-35) Yintoni awayesifundisa yona uYesu? Ukuba simbulela nyhani uYehova ngenceba asenzele yona, siza kutsho sibaxolele abanye abantu. (INdu. 103:9) Kwiminyaka eyadlulayo enye iMboniselo yayibeka ngolu hlobo le nto: “Nokuba singabaxolela kangakanani abantu soze sifike kwindlela uYehova asixolela ngayo ngenxa yedini likaKristu.”

9. UYehova uba nenceba kubantu abenza ntoni? (Mateyu 6:14, 15)

9 Ukuba siyaxolela, siza kuxolelwa nathi. UYehova ubenzela inceba abantu abanenceba. (Mat. 5:7; Yak. 2:13) UYesu wayicacisa le nto xa wayefundisa abalandeli bakhe indlela yokuthandaza. (Funda uMateyu 6:14, 15.) Loo nto siyifunda nakwinto uYehova awayixelela umkhonzi wakhe uYobhi. Loo ndoda ithembekileyo yakhathazwa kakhulu ngamazwi ahlabayo awathethwa nguElifazi, uBhiledadi noTsofare. UYehova waxelela uYobhi ukuba awathandazele loo madoda. Emva kokuba eyenzile loo nto, wamsikelela.​—Yobhi 42:8-10.

10. Kutheni kuyingozi ukufukama inzondo? (Efese 4:31, 32)

10 Ukufukam’ inzondo kuyingozi, kufana nokuthwala umthwalo onzima. UYehova ufuna sivuyele uxolo esilufumanayo xa sisahlukana naloo mthwalo. (Funda amaEfese 4:31, 32.) Uthi ‘masiwuyeke umsindo, silahle nengqumbo.’ (INdu. 37:8) Kuza kusinceda ukuyenza loo nto. Ukuba sifukam’ inzondo siza kugula emzimbeni nasengqondweni. (IMize. 14:30) Ukufukam’ inzondo akuzukumenza nto umntu osicaphukisileyo. Ngoko ukuba siyabaxolela abantu siyazinceda. (IMize. 11:17) Siyazola engqondweni nasentliziyweni, sitsho sikwazi ukuqhubeka sikhonza uYehova.

11. Ithini iBhayibhile ngokuphindisa? (Roma 12:19-21)

11 NguYehova ophindisayo. Akasinikanga igunya lokuphindisa xa kukho umntu oye wasona. (Funda amaRoma 12:19-21.) Ekubeni sinesono, sisenokuzijonga ngendlela engeyiyo izinto. Ngoko asikwazi ukugweba kakuhle njengoThixo. (Heb. 4:13) Ngamany’ amaxesha, siye siphazanyiswe yindlela esiziva ngayo, loo nto isenze singagwebi kakuhle. UYehova waphefumlela uYakobi ukuba abhale athi: “Ukucaphuka akumenzi umntu abe lilungisa emehlweni kaThixo.” (Yak. 1:20) Masiqiniseke ukuba uYehova uza kuzilungisa izinto, aze aqiniseke ukuba kwenziwa ubulungisa.  

Yahlukana nenzondo. Kuyekele kuThixo ukugweba. Uza kuziphelisa zonke izinto ezimbi ezenziwe ngabantu ngenxa yesono (Jonga isiqendu 12)

12. Sinokubonisa njani ukuba simthembile uYehova ukuba unobulungisa?

12 Xa sixolela sibonisa ukuba simthembile uYehova ukuba unobulungisa. Xa siyekela izinto ezandleni zakhe sibonisa ukuba siqinisekile ukuba uza kuwuphelisa wonke umonakalo owenziwe sisono. Kwihlabathi lakhe elitsha asithembise lona, izinto ezibuhlungu ‘azizukukhunjulwa, zingazukuphinda zithi qatha entliziyweni.’ (Isa. 65:17) Kodwa xa umntu enze into esicaphukise kakhulu, singakwazi nyhani ukuyeka ukucaphuka nokumzonda? Abanye baye bakwazi ukuyenza loo nto. Njani?

UKUXOLELA ABANTU KUYASINCEDA

13-14. Ufunde ntoni ngokuxolela kwibali likaTony noJosé?

13 Abazalwana noodadewethu abaninzi baye bagqiba ekubeni babaxolele abantu abenze izinto ezibakhathaza kakhulu. Kubancede njani ukwenza loo nto?

14 Kwiminyaka emininzi ngaphambi kokuba abe liNgqina, uTony * ohlala kwiPhilippines wafumanisa ukuba omnye wabakhuluwa bakhe wabulawa yindoda enguJosé. Ngelo xesha uTony wayenguphuma-silwe, ngoko wafuna ukuphindisa. UJosé wabanjwa, kodwa ekuhambeni kwexesha waphuma etrongweni. UTony owayezimisele ukumbulala wazixelela ukuba uza kumfuna ade amfumane. Wade wathenga nompu. Ngelo xesha kanye, waqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina KaYehova. Uthi, “Njengoko ndandifunda ndabona ukuba kufuneka nditshintshe indlela endizenza ngayo izinto, ndiyeke nokuba nomsindo.” UTony wabhaptizwa, waza ekuhambeni kwexesha wangumdala. Khawuyicinge indlela amele ukuba wothuka ngayo xa weva ukuba uJosé ngumkhonzi kaYehova obhaptiziweyo! Xa badibanayo bavuyelana kakhulu, waza uTony waxelela uJosé ukuba umxolele. UTony uthi ukumxolela kwamvuyisa ngendlela angakwaziyo nokuyichaza. Ngoko uYehova wamsikelela uTony ngokuba eye waxolela.

Ibali likaPeter noSue lisibonisa ukuba sinokuyeka ukuba nenzondo (Jonga isiqendu 15-16)

15-16. Ufunde ntoni ngokuxolela kwibali likaPeter noSue?

15 Ngo-1985 uPeter noSue babekwiintlanganiso xa kwaqhushumba ibhombu eyayifakwe yenye indoda kwiHolo YoBukumkani. USue wonzakala kakhulu kangangokuba kwaba nzima ukubona nokuva. Wayengeva nento enukayo. * UPeter noSue babehlala bezibuza, ‘Ngumntu onjani lo ukwaziyo ukwenza into embi kangaka?’ Emva kweminyaka emininzi loo ndoda yayiqhushumbise kwiHolo YoBukumkani, eyayingenguye nomkhonzi kaYehova, yabanjwa yaza yagwetyelwa ukuhlala etrongweni ubomi bayo bonke. Xa bebuzwa ukuba bayixolele na le ndoda, bathi: “UYehova usifundisa ukuba ukuhlala unenzondo kuyingozi emzimbeni, engqondweni nakwindlela oziva ngayo. Kungadlulanga xesha lide yenzekile loo nto, samcela uYehova ukuba singabi nenzondo size siqhubeke nobomi bethu.”

16 Ngaba bekulula ukuxolela le ndoda? Hayi ncam. Bathi: “Ngamany’ amaxesha xa uSue ehlutshwa ziindawo awayenzakele kuzo, siye sicaphuke. Kodwa sikhawuleza siyeke ukucaphuka kuba asihlali sicinga ngaloo nto. Phofu ukuba loo ndoda ingaliNgqina ngenye imini, sitsho ngomzimba ongenaxhala ukuba singayamkela. Le nto yasehlelayo iye yasifundisa ukuba ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile kusikhulula kwizinto ezininzi kunokuba sicinga. Kuyasithuthuzela nokwazi ukuba kungadlulanga xesha lide uYehova uza kuwulungisa wonke umonakalo.”

17. Ufunde ntoni ngokuxolela kwibali likaMyra?

17 UMyra wafunda inyaniso sele etshatile, enabo nabantwana ababini. Yena umyeni wakhe zange abe liNgqina. Ekuhambeni kwexesha wakrexeza, washiya nentsapho yakhe. UMyra uthi: “Emva kokuba umyeni wam esishiyile, ndaziva ngendlela abaziva ngayo abantu abaninzi xa bejikelwe ngabantu ababathandayo. Ndandothukile, ndingakholelwa, ndibuhlungu, ndizisola, ndizibek’ ityala futhi ndicaphuka.” Waphela wona umtshato, kodwa intlungu yokujikelwa ngumyeni wakhe zange iphele. Uthi: “Kwaqengqeleka iinyanga ndisebuhlungu, ndabona ukuba loo nto indenza ndibhekele kuYehova nakwabanye abantu.” Ngoku uMyra uthi akasamcaphukeli utata wabantwana bakhe futhi akafuni kwenzeke nto imbi kuye. Unethemba lokuba ngeny’ imini naye uza kumkhonza uYehova. Ngoku ujonge kwixesha elizayo. Ukhulise abantwana bakhe ababini engenamyeni, waza wabanceda bakhonza uYehova. Sithetha nje uMyra uvuyiswa kukukhonza uYehova ekunye nabantwana bakhe neentsapho zabo.

UYEHOVA NGUMGWEBI ONGAYENZIYO IMPAZAMO

18. Yintoni esimele siqiniseke ngayo ngoMgwebi Omkhulu uYehova?

18 Kusivuyisa kakhulu ukwazi ukuba asinamthwalo wokugqiba ukuba umntu ufanele agwetywe njani. Lo msebenzi ubalulekileyo uxhomekeke kuMgwebi Omkhulu, uYehova. (Roma 14:10-12) Simele siqiniseke ukuba uza kusoloko egweba ngobulungisa kuba uyazi kakuhle into elungileyo nengalunganga. (Gen. 18:25; 1 Kum. 8:32) Akasoze nokuba sekutheni enze into engalunganga.

19. Ziintoni eziza kwenziwa nguYehova ngenxa yokuba enguMgwebi ongayenziyo impazamo?

19 Silijonge ngamehlo abomvu ixesha laxa uYehova eza kuziphelisa zonke izinto ezimbi ezenziwe ngabantu ngenxa yesono. Ngelo xesha iintlungu esinazo ziza kupheliswa ngonaphakade. (INdu. 72:12-14; ISityhi. 21:3, 4) Soze siphinde sicinge nokucinga ngazo. Okwangoku sisalinde elo xesha limnandi, simbulela kakhulu uYehova ngokuba esenze sakwazi ukuxolela njengaye.

INGOMA 18 Siyabulela Ngentlawulelo

^ UYehova ufuna nyhani ukubaxolela abantu abonileyo xa beguquka. Nathi sifuna ukufana naye, sibaxolele abantu abasicaphukisileyo. Kweli nqaku siza kubona ukuba zeziphi izinto esinokubaxolela kuzo abantu, izeziphi esimele sizixelele abadala. Siza kufunda nokuba kutheni uYehova efuna sixolele. Sive nokuba uza kusisikelela njani xa sixolela.

^ Jonga inqaku elithi “Imibuzo Evela KubafundikwiMboniselo ka-Aprili 15, 1996.

^ Amanye amagama atshintshiwe.

^ Jonga uVukani wesiNgesi kaJanuwari 8, 1992, iphe. 9-13 nevidiyo ekuJW Broadcasting ethi AbakwaSchulz: Liduduma Lidlule.