Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ubusazi?

Ngaba Ubusazi?

Ngaba umntu owayebethelelwe esibondeni njengoYesu wayengcwatywa ngendlela eqhelekileyo ngamaRoma?

ABANTU abaninzi baliqhelile ibali likaYesu owayebethelelwe phakathi kootsotsi ababini esibondeni. (Mat. 27:35-38) Kodwa abanye bathi iBhayibhile ayichananga xa isithi emva koko umzimba kaYesu walungiselelwa ukusiwa engcwabeni.​—Marko 15:42-46.

Abanye abantu abagxeka iincwadi zeVangeli baye bayithandabuza into yokuba kwakunokuvunywa ukuba umntu owayebethelelwe esibondeni angcwatywe ngendlela eqhelekileyo, asiwe engcwabeni. Bacinga ukuba wayengangcwatywa njengabanye abantu. Kwimagazini iSmithsonian, enye intatheli enguAriel Sabar ichaza isizathu sokuba bacinge njalo. Ithi: “Ukubethelelwa esibondeni yayiyindlela ababesohlwaywa ngayo ootsotsi. Ezinye izifundiswa zona zithi yayiza kuba bubudenge into yokuba amaRoma avume ukuba abo bantu bangcwatywe kakuhle.” Eyona nto awayeyifuna amaRoma kukubahlazisa ngendlela engathethekiyo abo tsotsi. Ngoko imizimba yabo yayidla ngokushiywa ijinga kwezo zibonda ize ityiwe zizilwanyana zasendle. Kusenokwenzeka ukuba amathambo aye ashiyeka ayephoswa emngxunyeni.

Izinto ezembiweyo ziye zabonisa enye into ngamathambo amaYuda awayebulewe. Ngo-1968 kwafunyanwa amathambo endoda eyayibethelelwe esibondeni ngexesha likaYesu. Afunyanwa kwindawo eyayingcwatyelwe kuyo enye intsapho yamaYuda kufuphi neYerusalem. La mathambo ayesebhokisini. Kuwo kwakukho nethambo lesithende elalibethelelwe eplangeni ngesikhonkwane eside. USabar uthi: “Eso sithende sendoda eyayinguYehochanan sanceda saphelisa into ekwakudala ixoxwa ngokuchana kwento ethethwa ziincwadi zevangeli ngengcwaba likaYesu.” Kodwa into ebalulekileyo kukuba, “isithende sikaYehochanan sibonisa ukuba amaRoma avuma ukuba kungcwatywe umYuda owayebethelelwe esibondeni ngexesha likaYesu.”

Abantu bathetha izinto ezahlukeneyo ngento ethethwa leli thambo ngendlela umzimba kaYesu owaxhonywa ngayo. Kodwa kucacile ukuba abanye ootsotsi ababebethelelwe esibondeni abazange baphoswe nje emngxunyeni, baye bangcwatywa. Ngoko ichanile iBhayibhile xa isithi umzimba kaYesu wasiwa engcwabeni. Nethambo lesithende lingqinela into ethethwa yiBhayibhile.

Eyona nto ibalulekileyo kukuba uYehova waprofeta wathi uYesu wayeza kungcwatywa kwingcwaba lesityebi. Ayikho ke into enokwenza into ethethwe nguThixo ingenzeki.​—Isa. 53:9; 55:11.