Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ngaba Izinto Zadalwa Okanye Zazivelela?—Inxalenye 2: Kutheni Ufanele Ungayikholelwa Into Yokuba Izinto Zazivelela?

Ngaba Izinto Zadalwa Okanye Zazivelela?—Inxalenye 2: Kutheni Ufanele Ungayikholelwa Into Yokuba Izinto Zazivelela?

UAlex ubhidekile. Ebesoloko ekholelwa kuThixo nokuba izinto zadalwa. Kodwa utitshala wakhe webhayoloji ubethe ngenqindi etafileni wathi izinto zazivelela, nto leyo esekelwe kuphando lwesayensi. UAlex akafuni kubonakala engazi nto. Uthi: ‘Phofu ke, ukuba oososayensi banobungqina bokuba izinto zazivelela, ndingubani mna ukuba ndiyiphikise loo nto?’

Ngaba unomfanekiso ngqondweni wale nto yenzeka ngasentla? Mhlawumbi ubomi bakho bonke ubusoloko ukholelwa koko kuthethwa yiBhayibhile: “UThixo wadala amazulu nomhlaba.” (Genesis 1:1) Sekunjalo, abantu kutshanje bebekweyisela kwelokuba izinto zange zadalwa kodwa zasuka nje zazivelela. Ngaba ufanele ubakholelwe? Kutheni ufanele ungayikholelwa into yokuba izinto zazivelela?

Izizathu ezibini zokungakholelwa ukuba izinto zazivelela

  1.   Oososayensi abavumelani nokuba izinto zazivelela. Nakuba sekudlule amashumi eminyaka besenza uphando, oososayensi abakathethi ngazwinye kulo mba.

    Khawucinge ngoku: Ukuba oososayensi abakavumelani ngalo mba—nakuba bekufanele ukuba baziincutshe—ngaba kuphosakele ukubuza ngawo?—INdumiso 10:4.

  2. Ibalulekile into oyikholelwayo. Umfana ogama linguZachary uthi: “Ukuba ubomi babakho ngempazamo, ngoko ke zonke izinto ezisemhlabeni azinanjongo.” Unyanisile lo mfana. Phofu ke, ukuba ibichanile imbono yokuba izinto zazivelela, ubomi ngebungenanjongo. (1 Korinte 15:32) Kwelinye icala, ukuba ichanile imbono yokuba izinto zadalwa, sinokufumana iimpendulo ezanelisayo ngenjongo yobomi noko sikuphathelwe likamva.—Yeremiya 29:11.

    Khawucinge ngoku: Kunokwenza wuphi umahluko ebomini bakho ukwazi inyaniso yokuba izinto zazivelela okanye zadalwa?—Hebhere 11:1.

Imibuzo onokuyibuza

KUTHIWA: ‘Yonke into esemhlabeni yasuka nje yazivelela emva kogqabhuko-dubulo.’

  • Ngubani okanye yintoni eyabangela ugqabhuko-dubulo?

  •   Yiyiphi evakalayo kwezi—izinto zazivelela okanye zisuka entweni okanye zenziwa ngumntu?

KUTHIWA: ‘Abantu bavela kwizilwanyana.’

  • Ukuba abantu bavela kwizilwanyana—ngokomzekelo ezinkawini—kutheni abantu bekrelekrele kuneenkawu? a

  • Kutheni zintsonkothe kangaka izinto ezibonakala ziqhelekile ebomini? b

KUTHIWA: ‘Bukho ubungqina bokuba izinto zazivelela.’

  • Ngaba lo mntu utshoyo uye waziphandela obo bungqina?

  • Bangaphi abantu abakholelwa ekubeni izinto zazivelela kuba nje baxelelwa ukuba bonke abantu abakrelekrele bayakukholelwa oko?

a Abanye bathi abantu bakrelekrele kuba baneengqondo ezinkulu kunezeenkawu. Noko ke, ukuze ubone izizathu zokuba le mbono ingachananga, funda incwadana ethi, The Origin of Life—Five Questions Worth Asking, iphepha 28.

b Funda incwadana ethi, The Origin of Life—Five Questions Worth Asking, iphepha 8-12.