Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ndingahlala Njani Ndonwabile?

Ndingahlala Njani Ndonwabile?

“Ngamanye amaxesha ndiyonwaba kodwa ndingazi ndizibone sendingonwabanga. Izinto ebezingenamsebenzi kuqala ziyandikhathaza ngoku.”​—UCarissa.

Ngaba uzigqibela wonwabile uzibone sowungonwabanga? a Ukuba kunjalo, eli nqaku liza kukunceda!

 Kutheni isenzeka

Ukonwaba nokuziva uphantsi yinto eqhele ukwenzeka xa ukhula. Naxa sowusondele kwiminyaka eyi-20 usenokuba nayo le ngxaki.

Ukuba awazi ukuba kwenzeka ntoni, khumbula ukuba le nto idla ngokwenziwa kukutshintsha kwendlela umzimba osebenza ngayo, ukungazithembi nokungaqiniseki ngento eza kwenzeka, ibe ezi zizinto eziqhelekileyo kumntu okhulayo. Into emnandi kukuba usenokusazi isizathu sokuba uzive ngolu hlobo uze ufunde nento onokuyenza xa unale ngxaki.

Inyaniso engenakuphikwa: Ukufunda ngezinto onokuzenza ukuze uhlale wonwabile ngoku usemncinci kubalulekile, kuba loo nto iza kukunceda kwizinto ezininzi xa umdala.

Amaxesha axa ungonwabanga afana namagingxigingxi odibana nawo endleleni. Ngobuchule unokukwazi ukuwaphepha ukuze uhlale wonwabile

 Izinto ezintathu onokuzenza

Thetha. IBhayibhile ithi: “Iqabane [umhlobo] lokwenyaniso lithanda ngamaxesha onke, yaye lingumzalwana ozalelwe ixesha lokubandezeleka.”​—IMizekeliso 17:17.

“Sinomhlobo esimthanda kakhulu ekhaya endimthatha njengomakazi wam. Uyandimamela xa ndithetha, ibe nam ndiyakhululeka xa ndincokola naye. Uyavuya xa ndizibona kakuhle izinto, aze andilungise kakuhle xa ndiphazamile.”​—UYolanda.

Icebiso: Endaweni yokuba uthethe noontanga bakho kuphela, ekusenokwenzeka ukuba nabo banengxaki efana neyakho, thetha nomzali okanye omnye umntu omdala omthembileyo.

Bhala. UYobhi owayesele enikezele wathi: “Ndiza kukukhupha ukuxhalaba kwam ngesiqu sam. Ndiza kuthetha ngobukrakra bomphefumlo wam!” (Yobhi 10:1) Enye into enokukunceda kukubhala phantsi indlela oziva ngayo.

“Nokuba ndiyaphi, ndisoloko ndihamba nencwadana. Ndibhala kuyo nantoni na endicaphukisileyo. Ukubhala kundinceda nyhani.”​—UIliana

Icebiso: Yiba nencwadi obhala kuyo indlela oziva ngayo, into eyenza uzive olo hlobo nento oza kuyenza. Iphepha lokubhala elihamba neli nqaku lingakunceda ukwazi ukuyenza loo nto.

Thandaza. IBhayibhile ithi: “Umthwalo wakho wulahlele kuYehova, yaye yena wokuxhasa. Akayi kuliyekela ilungisa lishukunyiswe.”​—INdumiso 55:22.

“Ndithandaza kuYehova qho xa ndikhathazekile. Ndiye ndizive ndibhetele xa ndimchazele yonke into endikhathazayo.”​—UJasmine.

Icebiso: Ngaphandle kwamaxhala onawo, cinga ngezinto ezintathu ezenzeke ebomini bakho nezikwenza ube nombulelo. Xa uthandaza kuYehova, mcele akuncede, kodwa umbulele nangezinto akwenzele zona.

a Eli nqaku lithetha ngengxaki eqhelekileyo kulutsha oluninzi. Ukuba unebipolar okanye unengxaki yokungonwabi, funda inqaku elithi, “Ndinokujamelana Njani Nokungonwabi?”