Yiya kwinkcazelo

ULUTSHA LUYABUZA

Ngaba Sifanele Sahlukane?—(Inxalenye 2)

Ngaba Sifanele Sahlukane?—(Inxalenye 2)

Okokuqala, zama ukuthetha naye ngendlela efanelekileyo. Njani?

Khawucinge indlela wena obuya kufuna ukuphathwa ngayo xa usahlukana nomntu obuthandana naye. (Mateyu 7:12) Ngaba ubunokufuna ukuchazelwa phambi kwabanye? Ubungenakuyithanda loo nto.

Ngaphandle kokuba unyanzelwa ziimeko, bekungayi kuba kuhle ukushiya umyalezo efowunini, ukuthumela isms okanye ie-mail. Ngoko khetha ixesha nendawo efanelekileyo yokuthetha ngalo mba ubalulekileyo.

Umele uthini xa uchaza ezi ndaba? Umpostile uPawulos wabongoza amaKristu ukuba ‘athethe inyaniso’ omnye komnye.​—Efese 4:25.

Eyona ndlela ibhetele, kukuthetha ngobuchule kodwa ungqale. Sichaze ngokucacileyo isizathu sokucinga ukuba ukuthandana kwenu kungayi kuphumelela.

Akuyomfuneko ukuchaza udederhu lweempazamo zakhe okanye umgxeke. Endaweni yokuthi, “Wena awuyenzi le” okanye “Awuzange wayenza le,” kubhetele ukusebenzisa amabinzana ajoliswe kwindlela ovakalelwa ngayo—“Ndifuna umntu owenza le . . .” okanye “Ndicing’ ukuba masahlukane kuba . . .”

Eli asiloxesha lokutshon’ uvela okanye lokuvumela umntu othandana naye atshintshe isigqibo sakho. Khumbula ukuba ukhethe ukwahlukana nalo mntu ngesizathu esivakalayo. Mlumkele angakwenzi utshintshe indlela ocinga ngayo. Elinye ibhinqa eliselula eligama linguLori, lithi: “Emva kokuba sahlukene nomnye umfana, wayesoloko ezenza lusizana. Ndicinga ukuba wayesenzela ukuba ndimsizele. Ndamsizela. Kodwa andizange ndivumele ukuba oko kutshintshe isigqibo sam.” Njengokuba uLori wenzayo, yazi into oyifunayo. Sukusitshintsha isigqibo sakho. Uhayi wakho makabe nguhayi.Yakobi 5:12.

Imiphumo Yokwahlukana.

Ungothuki ukuba uziva ukhathazekile kangangethuba elithile emva kokuba nahlukene. Usenokude uvakalelwe njengomdumisi, owathi: “Ndiphazamisekile, ndithobe ngomlinganiselo ogqithileyo; imini yonke ndihambahamba ndibuhlungu.”​—INdumiso 38:6.

Abanye abahlobo bakho basenokuzama ukukunceda ngokukukhuthaza ukuba nibuyelane. Lumka! Nguwe oya kuhlala nemiphumo yeso sigqibo, kungekhona abahlobo bakho. Ungoyiki ukuma kwisigqibo sakho—nakuba unokuziva ubuhlungu ngoko kwenzekileyo.

Qiniseka ukuba, ekuhambeni kwexesha loo ntlungu iza kuphela. Okwangoku, kutheni ungazami ukuthabatha la manyathelo alandelayo ukuze ukwazi ukuhlangabezana nale meko?