Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2016

Funda ngomsebenzi wamaNgqina kaYehova owenziwe ngo-2015 nembali yawo eIndonesia.

Incwadi Yonyaka Ka-2016

AmaHebhere 13:1 ayakhuthaza aze ayalele.

Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo

Esi sigidimi sikhuthazayo sibonisa indlela amalungiselelo anjengewebhsayithi i-jw.org/xh, Ijelo Losasazo LamaNgqina, iinqwelo zokushumayela neeNdibano Zengingqi Zika-2015 ziye zayintsikelelo yokwenene.

“Silithanda Kakhulu IJelo Losasazo LamaNgqina”

Yintoni eyayibandakanyekile ekusekeni esi sitishi seIntanethi?

Ukukhawulezisa Umsebenzi Wokwakha IiHolo ZoBukumkani

Umsebenzi uye walungelelaniswa ukuze kwakhiwe iiholo ezininzi ezifunekayo.

Uqhuba Njani Umsebenzi Owenziwa EWarwick?

Funda ngenkqubela eyenziwa kumsebenzi wokwakhiwa kwekomkhulu lehlabathi elitsha lamaNgqina kaYehova.

Ukufikelela Abantu Ekunzima Ukubafumana

Yintoni eyabangela ukuba uTerry akholelwe ukuba into ayive kumaNgqina kaYehova iwuphendule umthandazo wakhe?

Kuya Kukhanya Ngokukhanya

Kweli candelo, funda ngendlela uYehova aqhubeka ekhanyisela ngayo indlela yabakhonzi bokwenyaniso.

Kunikezelwa Amasebe

AmaNgqina kaYehova eMadagascar naseIndonesia afumana iintsikelelo ezikhethekileyo ekuqaleni kuka-2015.

INguqulelo Yehlabathi Elitsha Ngeelwimi Ezingakumbi

Amahlelo ayi-16 akhululwa kunyaka wenkonzo ka-2015.

Ingxelo Yezomthetho

Uyaqhubeka umlo nxamnye nokudlelw’ indlala konqulo ehlabathini lonke.

Amagqabantshintshi—Iindaba Ezivela Ehlabathini Lonke

Imali eyayikwibhokisi kaKen yanceda ekwakhiweni kweHolo yoBukumkani.

EAfrika

Ziziphi iindlela ezintsha ezisetyenziswa ngamaNgqina xa eshumayela iindaba ezilungileyo?

KuMntla NakuMzantsi Merika

Kwakutheni ukuze elinye ibhinqa liqhutyelwe isifundo ethafeni lilayite ikhandlela? Kwakutheni ukuze inkosi yamaIndiya aseMerika ekhohlakeleyo ilinde amaNgqina kaYehova? Ibe kwakutheni ukuze owayesakuba ngumtshutshisi akhale?

EAsia NakuMbindi-Mpuma

Ayikho into ethintela abavangeli boBukumkani—isiphene nkqu nokuvalelwa entolongweni.

EYurophu

Indoda eliRoma, ibanjwa nebhinqa, bonke bacinga ngokuzibulala yaye bachukunyiswa ziindaba ezilungileyo abazivayo.

EOceania

Iitafile zeencwadi, iinqwelo zokushumayela, iwebhsayithi ijw.org/xh neevidiyo ezifundisa ngoThixo zityala imbewu yenyaniso kubantu abaninzi!

Amagqabantshintshi NgeIndonesia

Amagqabantshintshi ngeli lizwe, abantu nezinto ezenziwa kweyona ndawo ineziqithi ezininzi emhlabeni.

Intengiso Yezinongo

Kwiminyaka yoo-1500 ishishini lezinongo lalihamba phambili kwezoqoqosho ehlabathini lonke.

Ndifuna Ukuqala Apha!

Oovulindlela abambalwa baseOstreliya bakwazi ukoyisa iingxaki ababenazo xa babeqalisa ukushumayela.

Iindlela Ekwakushunyayelwa Ngazo Kuqala

Ukushumayela kwiirediyo nakumazibuko kwazicaphukisa iintshaba zenyaniso ezinempembelelo enkulu eIndonesia.

IBibelkring

Eli qela lonqulo lalisebenzisa iimpapasho zamaNgqina kaYehova, kodwa laqhekeka ngenxa yokuba lakholelwa laza lenza izinto ezazithethwa ngabantu.

Wayezithanda Izinto Zobuthixo

Abaqhankqalazi bambonzeleka ekhayeni likaThio Seng Bie baza bathatha izinto zakhe. Bamshiyela eyona nto wayixabisa ngaphezu kwezo babezithathile.

INtshona Java Ivelisa Isiqhamo

Ekubeni iincwadi zamaNgqina zaziyekiswa, aqhubeka eshumayela ngobuchule.

Ulawulo Olunzima LwamaJapan

NgeMfazwe Yehlabathi II, amanye amaNgqina afumana indlela yokubhalisa kumagunya aseJapan engakhange ayekelele kwimithetho yonqulo lwawo.

Uvulindlela Ongoyiki Ngokoyikiswa

Kwiminyaka eyi-60 enguvulindlela, uAndré Elias akazange ayilahle ingqibelelo yakhe nakuba wayephekw’ esophulwa ngemibuzo yaye esoyikiswa.

Kufika Abathunywa Bevangeli BaseGiliyadi

Abathunywa bevangeli bokuqala abaqeqeshwe eGiliyadi bafika bakhawulezisa ukuwuhambisela phambili umsebenzi wokushumayela.

Umsebenzi Udlulela KwiMpuma

Ngaba inkcaso yabefundisi yayiza kuphumelela?

Kufika Abathunywa Bevangeli Abangakumbi

Ngephanyazo ukushumayela iindaba ezilungileyo kwaqalisa ukuba nzima phakathi kwiminyaka yoo-1970.

Intombi KaSara Yokwenyani

Ngenxa yokuzithoba kukaTiti Koetin kumyeni wakhe, wafumana okukhulu.

Indibano Engasoze Ilibaleke

Indibano ‘Yeendaba Ezilungileyo Ezingunaphakade’ eyayingo-1963 yaphumelela nakubeni kwakukho imiqobo enzima.

Ndasinda Kwimvukelo YamaKomanisi

Ingcwaba likaRonald Jacka lalisele ligrunjiwe.

Iminyaka Eyi-50 Enguvulindlela Okhethekileyo

Ngo-1964 eNtshona Papua omnye umfundisi wamaProtestanti woyikisa amaNgqina kaYehova esithi, ‘Ndiza kuwaphelisa amaNgqina kaYehova eManokwari!’ Wayenza ke loo nto?

Inkokeli Yemigulukudu Iba Ngummi Ohloniphekileyo

UMphathi WeSebe Lezobuntlola wabuza: “Yintoni eyona nto yenziwa ngamaNgqina kaYehova eIndonesia?”

Abazange Batyhafe

Yintoni eyabangela ukuba abanye ababukeli bathi, “AmaNgqina kaYehova afana nezikhonkwane”?

Abazange Bayeke Ukuhlanganisana Ndawonye

Xa kwavalwa umsebenzi wamaNgqina kaYehova, elinye igosa lathi: “Eli phepha alininiki inkululeko yonqulo.”

Uthando LwamaKristu Ngamaxesha Entlekele

AmaNgqina kaYehova akhawuleza ayokunceda emva kwenyikima eyayidlakaze idolophu yaseIndonesia, iGunungsitoli.

Soze Siluyeke Ukholo Esinalo

UDaniel Lokollo ukhumbula indlela awatshutshiswa ngayo ngunogada wentolongo.

Sathobela Ulwalathiso—Saphila!

Ingxabano yamaSilamsi namaKristu yabangela imeko emaxongo kumaNgqina kaYehova eIndonesia.

Umsebenzi Ukhula Ngokukhawuleza

Emva kokuvulwa komsebenzi, abazalwana, bancedakala kwizinto ezintathu ezibalulekileyo.

Ukulivakalisa Ngebhongo Igama LikaYehova

AmaNgqina azoyisa njani iingxaki ezazibangelwa yimikhwa nendlela ekwakuphilwa ngayo ezazinokubangela ukuba aphelelwe sisibindi?

IOfisi Yesebe Ibonwa Nanguthathatha

Abazalwana noodade abasebenza apho imfuneko inkulu khona bafumana enye indawo abaza kushumayela kuyo.

“UYehova Wasisikelela Ngapha Koko Sasikulindele!”

Ibandla elikwilali yaseTugala, eIndonesia, ufumana intsikelelo angayilindelanga.

Side Sakunye Ekugqibeleni!

Abantwana ababini abangevayo baseIndonesia abangamantombazana bahlukana xa omnye wanikelwa ukuba akhuliswe ngabanye abazali, kodwa bahlanganiswa yinyaniso.

Kwiminyaka Elikhulu Edlulileyo—Ngo-1916

Isiganeko esenzeka ekupheleni kuka-1916 saphawuleka ngokukhethekileyo kuBafundi BeBhayibhile.

Isimbuku Sika-2015

Yiyiphi imigudu esiyenzileyo nezinto esizisebenzisileyo ukuze sishumayele iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo?

ISikhumbuzo—NgoLwesihlanu, ngoAprili 3, 2015

Iphulo lokumema leeveki ezine laba nemiphumo emihle kakhulu.