Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

EINDONESIA

IOfisi Yesebe Ibonwa Nanguthathatha

Iiofisi ezikumgangatho we-31

IOfisi Yesebe Ibonwa Nanguthathatha

Ngo-2008, eIndonesia inani labavakalisi lafikelela ku-21 699. Sasingakwazi ukwandisa isakhiwo sesebe ngenxa yokuba kwakungekho ndawo. Kwakhona, ekubeni sasakhiwe ngexesha owawuvalwe ngalo umsebenzi, sasakhiwe kude nelokishi. Kwakucacile ke ngoko ukuba kwakufuneka isebe elikhulu kufuphi neJakarta.

Kwiminyaka emalunga nemibini kamva, abazalwana bathenga isakhiwo esasohluke mpela kweso sangaphambili—wonke umgangatho we-31 wesakhiwo seeofisi esihle sale mihla esinemigangatho eyi-42, kufuphi nombindi weJakarta. Baphinda bathenga imigangatho eyi-12 kwisakhiwo esikufutshane esinokuhlala abazalwana abakhonza eBheteli abayi-80 nangaphezulu. Bafuna nesakhiwo esinemigangatho emihlanu ukuze basebenzele kuso abazalwana abakhonza kumasebe Emisebenzi Yekhaya.

Amagumbi okuhlala aseBheteli akwimigangatho eyi-12

Iqela lezicaka zokwakha kunye nabakhi basekuhlaleni basebenza kunye ukuze kulungiswe ezi ofisi namagumbi. UDarren Berg, ovelela umsebenzi wokwakha uthi: “UYehova uye wasinceda izihlandlo ngezihlandlo xa sineengxaki ezinzima. Ngokomzekelo, sasifuna ukufaka inkqubo yale mihla yokucoca amanzi asele esetyenzisiwe, kodwa abasemagunyeni zange bavume, kuba bengayiqhelanga. Ngoko iNgqina lalapho eliyinjineli laya kuxelela igosa eliphezulu ngale ngxaki. Eli gosa lavuma kwa oko, laza lathi liyakuthemba oko kuza kwenziwa ngabazalwana.”

“Asisazifihli tu. Abantu bayawazi ngoku amaNgqina kaYehova. Bayabona ukuba soze siye ndawo”

Eli sebe litsha lanikezelwa ngoFebruwari 14, 2015. Intetho yanikelwa nguAnthony Morris III olilungu leQumrhu Elilawulayo. UVincent Witanto Ipikkusuma, ilungu leKomiti yeSebe uthi: “Ngoku isebe likwingingqi ephucukileyo, enamashishini aphambili eIndonesia. Asisazifihli tu. Abantu bayawazi ngoku amaNgqina kaYehova. Bayabona ukuba soze siye ndawo.”

IKomiti yeSebe, ukusuka ekhohlo ukuya ekunene: UBudi Sentosa Lim, uVincent Witanto Ipikkusuma, uLothar Mihank noHideyuki Motoi

“Kumnandi Ukushumayela Apha!”

Kule minyaka yakutshanje, liyakhula inani lamaNgqina asuka kumazwe ngamazwe nafudukela eIndonesia. ULothar Mihank uthi: “Abavakalisi abasebenza apho imfuneko inkulu khona baluncedo kakhulu kwilizwe lethu. Banamava, baqolile, bazimisele emabandleni abo, kwaye banceda abazalwana babuxabise ngakumbi ubuzalwana bazweni-banzi.” Yintoni ebenze bashiya amakhaya abo? Zinjani iimeko zabo ngoku? Makhe sive ukuba bathini abanye babo.

Abavakalisi abasebenza apho imfuneko inkulu khona

1. UJanine noDan Moore

2. UMandy noStuart Williams

3. UCasey noJason Gibbs

4. UMari (ngaphambili ekunene) noTakahiro Akiyama (ngasemva ekunene)

UJason noCasey Gibbs baseMerika bathi: “Safunda ngomlinganiselo wabemi kubavakalisi kwiNcwadi Yonyaka saza safumanisa ukuba i-Indonesia yenye yezona ndawo zinabemi abaninzi kunabavakalisi. Ezinye izihlobo zethu ezazifudukele apho kukho imfuneko enkulu khona, zasixelela ukuba ivundile intsimi yaseIndonesia. Ngoko safowunela isebe lakhona, laza lathi masiye eBali. Abantu abakwintsimi yesiNgesi yaseIndonesia babeqalisa ukuba nomdla, ngoko yayiza kukhawuleza ukubonakala into esiyenzayo. Sasicebe ukuhlala unyaka, kodwa sizibone sesihleli emithathu. Abantu abaninzi esishumayela kubo abazange beve ngamaNgqina kaYehova. Imnandi nyhani intsimi yalapha!”

UStuart noMandy Williams, isibini esesingapha kweminyaka eyi-45 saseOstreliya, bathi: “Sasifuna abantu abayifuna nyhani inyaniso, ngoko sagqiba ekubeni sifudekele eIndonesia. EMalang, kwiMpuma yeJava, siye sadibana nabafundi baseyunivesithi abaninzi abathetha isiNgesi nabanomdla wokumamela iindaba ezilungileyo. Bayayithanda iwebhsayithi ethi jw.org/xh! Intsimi yalapha iyavutha.”

UTakahiro noMari Akiyama, oovulindlela baseYogyakarta, kwisiqithi saseJava, bathi: “Sikhuselekile apha kunasekhaya eJapan. Abantu balapha banobubele nentlonelo. Uninzi lwabo, ingakumbi abo baselula banomdla wokwazi ngezinye iinqulo. Ngenye imini xa sasisebenzisa itafile yokushumayela esidlangalaleni, sahambisa iimagazini eziyi-2 600 ngeeyure nje ezintlanu.”

UDan noJanine Moore, isibini esisondele kwiminyaka eyi-60, bathi: “Xa sishumayela abantu baye basingqonge. Siye sibancumele; nabo bancume. Baye bafune ukwazi, babe nomdla, ekugqibeleni bavuye. Xa sibabonisa oko kuseBhayibhileni abanye baye bathi, ‘Ndifuna ukuyibhala phantsi.’ Bayamangaliswa bubulumko bukaThixo obuseBhayibhileni. Sele ingunyaka silapha, akwaba sasize kwakudala. Sasikhangela ummandla onabantu abaninzi abangazange beve ngoYehova yaye siwufumene!”

UMisja noKristina Beerens bafika bengabathunywa bevangeli ngo-2009, ibe ngoku batyelela amabandla. Bathi: “KwiSiqithi saseMpuma Java, iMadura, enye yeendawo zaseIndonesia ezinamaSilamsi amaninzi adla ngendeb’ endala, abantu banomdla kumsebenzi esiwenzayo. Bavele bamise iimoto, bacele iimagazini. Baye bathi: ‘NdiliSilamsi, kodwa ndiyathanda ukufunda ezi magazini. Ndicela ukuthathela nabahlobo bam.’ Kumnandi ukushumayela apha!”

Amasimi Amhlophe Ukuze Avunwe

Ngo-1931, ukufika kukaFrank Rice eJakarta, abantu baseIndonesia babeyi-60 000 000. Ngoku baphantse babeyi-260 000 000, nto leyo ebangela ukuba i-Indonesia ibe lilizwe lesine kumazwe anabantu abaninzi ehlabathini.

Nawo amaNgqina kaYehova aseIndonesia aye anda ngendlela emangalisayo. Ngo-1946, emva komonakalo ongathethekiyo owabangelwa yiMfazwe Yehlabathi II, kwakukho abavakalisi abalishumi abathembekileyo. Namhlanje kukho abavakalisi abangaphezu kwe-26 000—le yintsikelelo kaYehova nyhani! Inani labantu abayi-55 864 ababeze kwiSikhumbuzo sika-2015, libonisa ukuba kusenokubakho ulwando olungakumbi.

UYesu wathi: “Ewe, isivuno sikhulu, kodwa abasebenzi bambalwa. Ngoko ke, bongozani iNkosi yesivuno ukuba ikhuphe abasebenzi baye esivunweni sayo.” (Mat. 9:37, 38) Abakhonzi bakaYehova baseIndonesia batsho amazwi afanayo. Bazimisele ukuqhubeka besebenza ngamandla ukunceda ekungcwalisweni kwegama eliphakamileyo likaYehova kolu hlanga luhlala eziqithini.—Isa. 24:15.