Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

EINDONESIA

“UYehova Wasisikelela Ngapha Koko Sasikulindele!”

UAngeragō Hia

“UYehova Wasisikelela Ngapha Koko Sasikulindele!”
  • WAZALWA Ngo-1957

  • WABHAPTIZWA Ngo-1997

  • IBALI LOBOMI Wabuyela kwilali yakowabo ekwiSiqithi saseNias waza wancedisa ekwakheni iHolo yoBukumkani.

NGO-2013, ibandla lethu elincinane eTugala Oyo leva iindaba ezimnandi zokuba liza kufumana iHolo yoBukumkani entsha! Amagunya asekuhlaleni avuma ukuba yakhiwe, nabamelwane bethu abayi-60 basayina amaphepha abonisa ukuba bayavuma. Omnye wabamelwane bethu wathi, “Ukuba nifuna kusayine abantu abayi-200, baza kusayina.”

Amatsha-ntliziyo amabini anamava okwakha iiHolo zoBukumkani aza kuvelela ukwakhiwa kweholo entsha, eyagqitywa ngoNovemba 2014. Zange siyiphuphe nokuyiphupha into yokuba ibandla lethu lingaze libe nendawo entle ngolu hlobo yokunqulela. Ngokwenene uYehova wasisikelela ngapha koko sasikulindele!