Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina aseSemarang, eJava (malunga no-1937)

EINDONESIA

Ndifuna Ukuqala Apha!

Ndifuna Ukuqala Apha!

UAlexander MacGillivray, isicaka sesebe laseOstreliya, wayezikis’ ukucinga eofisini yakhe. Kwakusekudlule iintsuku ezininzi ezamazamana nengxaki, kodwa ekugqibeleni wasifumana isicombululo. Ngoku kwakufuneka athethe noFrank Rice.

Kwiiveki ezimbalwa ngaphambili, kwiofisi yesebe kwakufike isigantsontso somfana onguvulindlela oneminyaka eyi-28, uFrank. Wafunda inyaniso esekwishumi elivisayo waza wakhawuleza waba nguvulindlela. Wachitha iminyaka engaphezu kwelishumi eshumayela ngehashe, ibhayisekile, isithuthuthu nekharavani kummandla waseOstreliya. Emva kokuhlala ithutyana eBheteli, wayelungele ukuya kushumayela komnye ummandla.

UMzalwan’ uMacGillivray wabizela uFrank kwiofisi yakhe waza wambonisa imaphu eneziqithi ezikumantla eOstreliya. Wambuza, “Frank, ungathanda ukuqala ndawoni ukushumayela? Akukho nomnye umzalwana kwezi ziqithi!”

Amehlo kaFrank atsaleleka kwezo ziqithi zininzi ezazikhazimla ngathi ziiperile kuLwandlekazi lwaseIndiya—iNetherlands East Indies (ngoku eyi-Indonesia). * Kwezo ziqithi kwakuhlala izigidi zabantu ababengekaziva iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Ekhomba kwikomkhulu iBatavia (ngoku eyiJakarta), uFrank wathi, “Ndifuna ukuqala apha!”

Ukushumayela EJava

Ngo-1931, uFrank Rice wafika eJakarta, idolophu enkulu ephithizelayo kwisiqithi saseJava. Waqesha igumbi edolophini waza walizalisa ngeebhokisi zeencwadi ezithetha ngeBhayibhile, esothusa umnikazi welo gumbi.

UFrank Rice noClem Deschamp eJakarta

UFrank uthi: “Ekuqaleni yayingathi ndilahlekile futhi ndandikhumbul’ ekhaya. Ndandidibana nabantu bezinxibele iisuti neminqwazi epholileyo, ngoxa mna ndandisitsha ziimpahla ezifudumeleyo zaseOstreliya. Ndandingakwazi ukuthetha nelinye igama lesiDatshi okanye lesi-Indonesia. Ndacela ukhokelo lukaYehova, ndaza emva koko ndacinga ukuba inoba bakho abantu abasithethayo isiNgesi kwiindawo zoshishino. Ndaqalisa apho ke ukushumayela, futhi imiphumo yaba mihle kakhulu!”

Ekubeni abantu abaninzi baseJakarta babethetha isiDatshi, uFrank wasebenza nzima efunda isiDatshi waza waqalisa ukushumayela kwindlu ngendlu. Waqalisa nokufunda isi-Indonesia. Uthi: “Ingxaki kukuba ndandingenazo iimpapasho zesi-Indonesia. UYehova wandikhokelela kwititshala eyayifundisa isi-Indonesia neyaba nomdla kwinyaniso yaza yavuma ukuguqulela incwadana ethi Bapina Abafileyo? Emva koko kwaguqulelwa nezinye iincwadana ezingakumbi, futhi abantu abaninzi abathetha isi-Indonesia baba nomdla kwinyaniso.”

NgoNovemba 1931, kwafika abanye oovulindlela ababini eJakarta besuka eOstreliya, uClem Deschamp, owayeneminyaka eyi-25, noBill Hunter owayeneminyaka eyi-19. UClem noBill beza nekharavani ababehlala kuyo—eyayiphakathi kwezokuqala ezazifika eIndonesia. Emva kokuba befunde izivakalisi ezimbalwa zesiDatshi, baqalisa uhambo lwabo beshumayela kwezona dolophu zinkulu zaseJava.

UCharles Harris wayeshumayela esebenzisa ibhayisekile nekharavani

Emva koClem noBill, kwalandela uCharles Harris, esinye isigantsontso esinguvulindlela waseOstreliya. Ukususela ngo-1935, uCharles wagubungela ezona ndawo zininzi eJava ehamba ngekharavani nebhayisekile, eshiyela abantu iincwadi ngeelwimi ezintlanu: IsiArabhu, isiDatshi, isi-Indonesia, isiNgesi, nesiTshayina. Kweminye iminyaka wayehambisa iincwadi ezimalunga ne17 000.

Iimpapasho ezakhutshwa nguCharles zenza abantu banomdla. Elinye igosa laseJakarta labuza uClem Deschamp oku, “Bangaphi abantu benu abasebenza kwiMpuma yeJava?”

Wathi: “Mnye kuphela.”

Lithetha kabukhali lathi: “Ufuna ndiyikholelwe loo nto ngoxa iincwadi zenu zizalise yonke laa ndawo? Ningumkhosi phaya!”

Oovulindlela bokuqala basebenza nzima kwelo ukuze bafikelele abantu abaninzi kangangoko. UBill Hunter uthi: “Sasisisebenza sonke eso siqithi ibe kwakungafane kwenzeke ukuba sithethe nomntu omnye kabini.” Batyala imbewu yokomoya eyathi kamva yaba sisivuno esihle.—INtshu. 11:6; 1 Kor. 3:6.

ISumatra Iva Iindaba Ezilungileyo

Malunga no-1936, oovulindlela baseJava baxubusha indlela ekunokushunyayelwa ngayo eSumatra—isiqithi sesithandathu ngobukhulu ehlabathini. Esi siqithi sisemagqagaleni sinqumla i-ikhweyitha futhi sinezixeko ezininzi ezikhulu, amasimi, imigxobhozo kunye namahlathi aneemvula.

Bavumelana ngokuba bathumele uFrank Rice, ngoko baqokelela imali ababenayo ukuze bambhatalele iindleko zokuhamba. Kungekudala emva koko, uFrank wafika eMedan, ekuMntla weSumatra, ephethe iibhegi zakhe ezimbini zokushumayela, iibhokisi zeencwadi eziyi-40 nemadlana. UFrank wayenokholo olomeleleyo. Ngoko nangoko watshon’ emsebenzini, eqinisekile ukuba uYehova uya kumnika oko akudingayo ukuze aqhubeke nesabelo sakhe.—Mat. 6:33.

Kwiveki yakhe yokugqibela eMedan, wadibana nendoda yomDatshi enobubele yaza yammema ukuba aze kuphunga ikofu. UFrank wayixelela ukuba ufuna imoto ukuze akwazi ukushumayela iindaba ezilungileyo kuso sonke eso siqithi. Imkhombisa iskorokoro sayo esisegadini yathi, “Ukuba ungasilungisa, ungasifumana ngeeguilder eziyi-100.” *

UFrank waphendula wathi, “Andinazo.”

Le ndoda yamthi ntshoo ebusweni yaza yathi, “Uyakufuna ngokwenene ukushumayela kuyo yonke iSumatra?”

Wathi, “Ewe.”

Yona ke yathi: “Lungisa nantsi imoto, uyithathe, uya kundibhatala xa unemali.”

UFrank walungisa loo moto yaza yaqalisa ukuduma. Kamva wabhala wathi, “Ndenjenjeya ukuya kushumayela kubantu baseSumatra imoto izele ziincwadi, itanki lizele yipetroli nentliziyo izele lukholo.”

UHenry Cockman ekunye noJean kunye noClem Deschamp eSumatra, ngo-1940

Emva konyaka, uFrank wayesele eshumayele kuso sonke eso siqithi, waza wabuyela eJakarta. Ukufika kwakhe apho, wayithengisa imoto ngeeguilders eziyi-100, waza loo mali wayithumela kwindoda engumDatshi eMedan.

Kwiiveki ezimbalwa emva koko, wafumana ileta evela eOstreliya imthumela kwisabelo esitsha. Ngoko nangoko, wapakisha iibhegi zakhe waza waya kuqala umsebenzi wobuvulindlela eIndochina (ngoku ebizwa ngokuba yiKhambodiya, iLaos, neVietnam).

^ isiqe. 4 Yayikwabizwa ngokuba yiDutch East Indies. AmaDatshi ayeneminyaka emalunga neyi-300 efikile kweli akha ubukhosi ngokushishina ngezinongo ezazingenisa imali eninzi. Kweli nqaku siza kusebenzisa amagama eendawo akutshanje.

^ isiqe. 3 Imali emalunga ne-R15 000.