Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kwindibano eyayikho ngoxa umsebenzi wawuvaliwe, abanye abantu bamamele bekwisikhephe

EINDONESIA

Abazange Batyhafe

Abazange Batyhafe

Xa abazalwana beva ukuba umsebenzi uyavalwa, benza amalungiselelo. URonald Jacka uthi: “Safudusela amaphepha anezinto eziyimfihlo, iincwadi kunye nemali yesebe kwiindawo ezikhuselekileyo kulo lonke elaseJakarta. Emva koko, ngokufihlakeleyo sathengisa izakhiwo zeofisi yesebe yaza iofisi yesebe yakwenye indawo efihlakeleyo.”

Uninzi lwabazalwana basekuhlaleni lwaqhubeka nomsebenzi wokushumayela lungoyiki. Lwalusele lunyamezele iimvavanyo ezinzima kwangaphambi kokuba umsebenzi uvalwe, yaye lwaqhubeka luthembele ngoYehova. Sekunjalo, abanye abazalwana zabafikela bengalindelanga ezo mvavanyo, kangangokuba abadala abambalwa boyika baza baphela betyobela amaphepha okuba bayekile ukushumayela. Abanye bade bachaza amagama abazalwana noodade abasemabandleni abo. Iofisi yesebe yathumela abazalwana abomeleleyo ngokomoya ukuze bomeleze amabandla baze bancede abo baye banikezela. UJohn Booth, ilungu leQumrhu Elilawulayo, naye waya eIndonesia wathetha nabo njengotata, ebakhuthaza.

Kucacile ukuba uYehova, uMalusi Omkhulu, wayebomeleza ebathuthuzela abantu bakhe. (Hez. 34:15) Abadala baya beqinisa unyawo ekukhokeleni kwizinto zobuthixo, kwanabavakalisi bafumana iindlela ezintsha zokushumayela ngobuchule. (Mat. 10:16) Abazalwana abaninzi bathenga iiBhayibhile kuMbutho weBhayibhile waseIndonesia, bazihambisa kubaninimzi, kwaye ngobuchule babebashiyela nomyalezo woBukumkani xa ithuba livela. Abanye babelikrazula iphepha labapapashi kwiincwadi zethu baze bazinike abantu abanomdla. Bexelisa abazalwana ababetshutshiswa ngaphambi kwabo ngexesha lokulawula kweJapan, oovulindlela abaninzi baqhubeka nomsebenzi wokushumayela kwindlu ngendlu bezenza abathengisi.

UMargarete noNorbert Häusler

Ngo-1977, iSebe Lemibandela Yezonqulo laphinda lahlasela amaNgqina—lala ukuhlaziya amaphepha-mvume abathunywa bevangeli abangamaNgqina kaYehova. AmaNgqina amaninzi angabathunywa bevangeli kwafuneka athunyelwe kwamanye amazwe. * Umthunywa wevangeli uNorbert Häusler, owayekhonza kunye nenkosikazi yakhe, uMargarete eManado, kuMntla weSulawesi uthi: “Kwisikhululo senqwelo-moya kwafika amakhulu abazalwana noodade eze kuthi ndlela-ntle. Sathi xa siza kungena kwinqwelo-moya, sakhe sema, sajonga ngasemva. Sabona ezo zandla zininzi ezaziwangawangisa, sisiva nemikhwazo ethi: ‘Enkosi. Siyabulela ngexesha eniye nalihlala nathi.’ Sangena ngaphakathi, zazehlela iinyembezi.”

Uqhushululu eSumba

Njengoko iindaba zokuvalwa komsebenzi wethu zazisasazeka kwiziqithi ngeziqithi, uMbutho WeeCawa waseIndonesia wabongoza amalungu awo ukuba axelele abasemagunyeni ngawo nawuphi na umsebenzi wamaNgqina. Oku kwabangela ukuba kubanjwe kuze kuncinwe abazalwana abaninzi kwiziqithi eziliqela.

EWaingapu, kwisiqithi saseSumba, umphathi-mkhosi wengingqi wayalela abazalwana abayi-23 ukuba baye kwinkampu yomkhosi yalapho, baze batyobele iimpepha zokuba bayayeka ukuba ngamaNgqina. Xa abazalwana balayo, wabayalela ukuba babuye ngemini elandelayo. Babeza kuhamba ngeenyawo kangangeekhilomitha eziyi-14.

Ukufika kwabo ngentsasa elandelayo, kwakubizwa abe mnye ngexesha ayalelwe ukuba atyobele iimpepha zokuba uyayeka ukuba liNgqina. Xa umzalwana esala ukutyobela, amajoni ayembetha ngoswazi olunameva. Ayebabetha ngomsindo, bade abanye abazalwana bangabi sezingqondweni. Ngalo lonke elo xesha, nabanye abazalwana babelindele ukubizwa. Ekugqibeleni, omnye umzalwana oselula, uMone Kele, waya ngaphambili waza wabhala kwezo mpepha. Abazalwana baba buhlungu, kodwa yena umphathi-mkhosi waba ligqabi ngumsindo. UMone wayebhale wathi: “Ndizimisele ukuhlala ndiliNgqina likaYehova ngonaphakade!” Wabethelwa oogqirha nezicaka, kodwa wahlala ethembekile kuYehova.

Lo mphathi-mkhosi wazama ukwaphula ingqibelelo yaba bazalwana kangangeentsuku eziyi-11. Wabayalela ukuba bame kwilanga elaligqats’ ubhobhoyi imini yonke. Wabanyanzela ukuba bakhase kangangekhilomitha eziliqela, baze babaleke imigama emide bethwele imithwalo enzima. Ebeke umpu onencula kwiintamo zabo, wabayalela ukuba bakhahlele iflegi, sekunjalo abazange bavume. Ngoko wayalela ukuba babethwe kwakhona.

Ntsasa nganye abazalwana babezirhuqa ukuya enkampini, bengayazi ukuba baza kungcungcuthekiswa njani ngaloo mini. Endleleni babethandaza kunye baze bakhuthazane ukuba bahlale bethembekile. Ebusuku babeshixiza ukugoduka, begxiz’ igazi, kodwa bevuya kuba baye bahlala bethembekile kuYehova.

Xa iofisi yesebe yafumanisa ukuba abazalwana baphethwe kakubi, ngoko nangoko yathumela ucingo ikhalaza kumphathi-mkhosi waseWaingapu, kumphathi-mkhosi wengingqi eTimor, kumphathi-mkhosi wenqila eBali, kumphathi-mkhosi ophakamileyo eJakarta nakwizikhulu zaseburhulumenteni. Enentloni zokuba izenzo zakhe zenkohlakalo zisaziwa kulo lonke elaseIndonesia, umphathi-mkhosi waseWaingapu wayeka ukutshuthisa abazalwana.

“AmaNgqina KaYehova Afana Nezikhonkwane”

Kwiminyaka eyalandelayo, amaNgqina aliqela eIndonesia avalelwa, ancinwa aze axhatshazwa. UBill Perrie, ongumthunywa wevangeli ukhumbula oku: “Komnye ummandla, uninzi lwabazalwana lwabethwa lwaphuma amazinyo. Xa bedibana nomzalwana osenamazinyo ngaphambili, beqhula babembuza bathi: ‘Uyafika? Okanye uye wanikezela?’ Nangona babevavanywa, abo babetshutshiswa zange bayeke ukukhonza uYehova ngovuyo nangenzondelelo.”

“Ukuba sentolongweni kundifundise ukuthembela kuYehova nyhani, ibe kundenze ndomelela ngokomoya”

Kwisithuba seminyaka eyi-13, amaNgqina ayi-93 agwetywa aza avalelwa kangangeenyanga ezimbini ukuya kwiminyaka emine. Loo mpatho imbi yabenza bazimisela ngakumbi ukuhlala bethembekile kuYehova. Emva kokuvalelwa iinyanga ezisibhozo, uMusa Rade watyelela abazalwana bendawo awayehlala kuyo ebakhuthaza ukuba baqhubeke beshumayela. Uthi: “Ukuba sentolongweni kundifundise ukuthembela kuYehova nyhani, ibe kundenze ndomelela ngokomoya.” Akusothusi ke ngoko xa abanye abakhi-mkhanya besithi: “AmaNgqina kaYehova afana nezikhonkwane. Okukhona ubabetha kwaye ubangcungcuthekisa, kokukhona bebambelela nkqi kukholo lwabo.”

Abavakalisi bayokushumayela eAmbon, eMaluku

^ isiqe. 1 Oomakadenetha abangabavangeli basemazweni, uPeter Vanderhaegen noLen Davis babesidla umhlala-phantsi, yena uMarian Tambunan (owayenguStoove) wayetshate nommi waseIndonesia, ngoko bavunyelwa ukuba bahlale. Bobathathu abazange batyhafe kwizinto zobuthixo kwaye umsebenzi wabo wawunemiphumo emihle ngalo lonke elo xesha lokuvalwa kwawo.