Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kwakusetyenziswa imitshato ukuze kubanjwe iindibano

EINDONESIA

Abazange Bayeke Ukuhlanganisana Ndawonye

Abazange Bayeke Ukuhlanganisana Ndawonye

Ngoxa umsebenzi wawuvaliwe, amabandla ayehlanganisana emakhayeni abazalwana ukuze anqule. Noko ke, ukuze angazitsaleli amehlo ngokungeyomfuneko, amabandla amaninzi ayengaziculi iingoma zoBukumkani. Ezinye iindawo awayehlanganisana kuzo zazigqogqwa ngabasemagunyeni, kodwa abazalwana babengaphakuzeli.

Ukuze bakwazi ukubamba iindibano ezinkulu, abazalwana babesoloko besebenzisa amathuba okuhlanganisana njengeentsapho nawamatheko omtshato. UTagor Hutasoit uthi: “Izibini zazidla ngokubhalisa umtshato wazo zize zifumane iphepha-mvume lokwenza itheko elikhulu lomtshato. Kweli theko, abatshati kunye nabakhaphi babehlala eqongeni ngoxa abazalwana benikela iintetho.”

Kwenye indibano, ipolisa labizela uTagor ecaleni.

Lathi: “Imitshato emininzi ithatha iiyure ezimbini okanye ezintathu. Kutheni eyenu ithatha imini yonke?”

UTagor wathi: “Abanye abatshakazi nabayeni baneengxaki ezininzi ngoko badinga ukhuthazo oluninzi olusuka kwiLizwi likaThixo.”

Eli polisa lanqwal’ intloko lathi: “Ndiyakuva.”

Besebenzisa imitshato eliqela njengethuba lokubamba iindibano, abazalwana banikela inxalenye yeNdibano yeSithili ‘Yomanyano LoBukumkani’ ngo-1983 kwibala elikhulu lemidlalo laseJakarta. Kwakukho abazalwana nabantu abanomdla abaphantse babeyi-4 000, baza abayi-125 babhaptizwa ngokufihlakeleyo ngaphambi kokuqala kocwangciso. Kamva, xa imiqathango yokuvalwa komsebenzi yayingasaqinanga, abazalwana babebamba iindibano ezinkulu, enye yazo yayinabantu abangaphezu kwe-15 000.

Ukwakha Iofisi Yesebe Ngoxa Umsebenzi Uvaliwe

Ngeminyaka yoo-1980 noo-1990, iofisi yesebe yayimane ibongoza urhulumente ukuba avule umsebenzi wamaNgqina kaYehova. Nabazalwana bamanye amazwe babhalela urhulumente waseIndonesia noonozakuzaku bakhe bebuza ngesizathu sokuba amaNgqina kaYehova engavunyelwa eIndonesia. Amanye amagosa ayengenangxaki nokuvulwa komsebenzi wamaNgqina, kodwa iCandelo Elalathisa AmaKristu lalixab’ endleleni.

Ngo-1990 abazalwana bagqiba kwelokuba bakhe iofisi yesebe kwindawo efihlakeleyo. Kwangaloo nyaka, iQumrhu Elilawulayo lavuma ukuba kuthengwe isiza esingaseBogor, isixeko esincinane esimalunga neekhilomitha eziyi-40 kumazantsi eJakarta. Noko ke, babembalwa abazalwana ababenobuchule bokwakha. Babeza kuyakha njani ke ngoku le ofisi?

Babeza kuncedwa ngabazalwana bamanye amazwe. IOfisi Yokwakha yaseBrooklyn neOfisi Yobunjineli Yenqila yaseOstreliya yeza neeplani zokwakha. Amatsha-ntliziyo amalunga ne-100 asebenzisa ubuchule bawo bokwakha obabufuneka kuloo minyaka mibini.

UHosea Mansur, umzalwana waseIndonesia owayethethathethana namagosa ahlukahlukeneyo asekuhlaleni uthi: “Xa amagosa angamaSilamsi abona oonobumba bokuqala bamagama am, uH. noM., acinga ukuba uH umela igama elithi ‘Hājjī,’ isibizo esibonisa isigxina esihloniphekileyo sabo babethabatha uhambo lokuya kunqula eMecca. Ngenxa yoko, ayendihlonipha. Loo nto yenza kwalula ukwenza amalungiselelo omsebenzi.”

Le ofisi yesebe yakhiwa ngoxa umsebenzi wawuvaliwe

Iofisi yesebe entsha yanikezelwa ngoJulayi 19, 1996, nguJohn Barr, olilungu leQumrhu Elilawulayo. Kubantu abayi-285 ababekho, abayi-118 yayingabameli besebe nabazalwana ababekade bengabathunywa bevangeli abasuka kumazwe amaninzi, kunye namalungu eBheteli yaseIndonesia ayi-59. Emva kweentsuku ezimbini, kwabakho iNdibano yeSithili eJakarta, eyayinomxholo othi “Abathunywa Boxolo Lobuthixo.” Iindwendwe ezazilapho zaziyi-8 793.

UYehova Uhlangula Abantu Bakhe

Ngo-1998, uMongameli Soeharto (Suharto) waseIndonesia owayesenexesha elide elawula, wehla esihlalweni kwaza kwabakho urhulumente omtsha. Nabazalwana ke baqinisa ngamandla kwimigudu yabo yokuba umsebenzi wamaNgqina uvulwe.

Xa wayeye eNew York ngo-2001, uNobhala kaRhulumente waseIndonesia, uMnu. Djohan Effendi, watyelela kwiBheteli yaseBrooklyn waza wadibana namalungu amathathu eQumrhu Elilawulayo. Wayithanda into awayibonayo, waza wavuma ukuba amaNgqina kaYehova aziwa kakuhle zwenibanzi. UMnu. Effendi wathi akanangxaki nokuvulwa komsebenzi, kodwa ke ilizwi lokuba uvulwe lakuphuma kuMnu. Marzuki Darusman, oligqwetha likarhulumente waseIndonesia.

Nalo igqwetha likarhulumente lalikulungele ukuwuvula lo msebenzi, kodwa amagosa achasayo akwisebe lalo alibazisa enethemba lokuba kuza kude kungene elinye endaweni yalo. Ekugqibeleni, ngoJuni 1, 2001, uTagor Hutasoit wabizelwa eofisini yegqwetha likarhulumente. Uthi: “Malunga neminyaka eyi-25 eyadlulayo ndabizelwa kwakule ofisi ndanikwa iphepha elalisithi umsebenzi wamaNgqina kaYehova uvaliwe. Kodwa ngolu suku, usuku lalo lokugqibela emsebenzini, landinika iphepha elalisithi umsebenzi wethu uvuliwe kwakhona.”

NgoMatshi 22, 2002, intlangano yamaNgqina kaYehova eIndonesia yabhaliswa ngokusemthethweni liSebe Lemibandela Yezonqulo. Umalathisi walo wathi kubameli besebe lamaNgqina: “Eli phepha alininiki inkululeko yonqulo, kuba loo nkululeko ifumaneka kuThixo. Lona lichaza nje ukuba unqulo lwenu lusemthethweni. Nani ngoku ninamalungelo afana nawezinye iinkonzo, ibe norhulumente uza kuninceda.”