Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBandla laseSurabaya ngo-1954

EINDONESIA

Kufika Abathunywa Bevangeli BaseGiliyadi

Kufika Abathunywa Bevangeli BaseGiliyadi

NgoJulayi 1951, ibandla elincinane laseJakarta lalihlanganisene ukuze lamkele uPeter Vanderhaegen, umthunywa wevangeli oqeqeshwe eGiliyadi wokuqala eIndonesia. Kwathi kuphela unyaka kwabe sele kufike abanye abathunywa bevangeli abayi-13 bevela eJamani, eNetherlands naseOstreliya, inani labo liphantse ukuliphinda kabini elabavakalisi balapho.

UFredrika Renskers, umthunywa wevangeli ongumDatshi uthi: “Ndandinombono wam ndisiya kwindlu ngendlu ndisebenzisa izimbo zomzimba ukuze ndithethe nabantu. Kodwa ngenxa yokuba abantu abaninzi babesazi isiDatshi, ndathetha nabo ngolo lwimi ekuqaleni.” URonald Jacka, waseOstreliya yena uthi: “Abanye bethu babesebenzisa ikhadi lokunikela ubungqina elalinentshumayelo emfutshane yesi-Indonesia. Ngaphambi kokunkqonkqoza emnyango ndandifunda eli khadi ndize ndizame ukunkqaya amazwi alo.”

Ekubeni kwakukhokela abathunywa bevangeli, inani labavakalisi lakhawuleza lakhula lisuka ku-34 laya kutsho ku-91, kunyaka nje omnye. NgoSeptemba 1, 1951, kwasekwa iofisi yesebe leWatch Tower Society ekhayeni likaAndré Elias, kuMbindi Jakarta. URonald Jacka waba sisicaka sesebe.

Kuvuleka Amanye Amathuba

NgoNovemba 1951, uPeter Vanderhaegen wathunyelwa eManado, kuMntla Sulawesi, apho uTheo Ratu nomfazi wakhe babeqalise iqela elincinane. Abantu abaninzi balapho babesithi bangamaKristu yaye babelihlonela iLizwi likaThixo. Uninzi lwabaninimzi lwaluwamkela amaNgqina luze luwacele ukuba acacise iimfundiso zeBhayibhile. Amaxesha amaninzi ayethetha namaqela abantu abalishumi. Kwimizuzu eyi-15 bencokola nabo bantu, babebona sekukho abayi-50. Kwakusithi kuphela iyure, ibe incoko iqhutywa phandle kuphulaphule abayi-200.

Ekuqaleni kuka-1952, uAlbert noJean Maltby bamisa ikhaya labathunywa bevangeli eSurabaya, kwiMpuma yeJava, isixeko sesibini ngobukhulu eIndonesia. Kwafika nabanye oodade abathandathu ababengabathunywa bevangeli, uGertrud Ott, uFredrika Renskers, uSusie noMarian Stoove, uEveline Platte noMimi Harp. UFredrika Renskers uthi: “Abantu abaninzi balapho yayingamaSilamsi akulungeleyo ukuncokola nabantu bolunye unqulo yaye babenobuhlobo. Yayingathi abanye bebeyilindele le nyaniso, ngoko kwakulula kakhulu ukuqalisa izifundo zeBhayibhile. IBandla laseSurabaya laba nabavakalisi abayi-75, kungaphelanga neminyaka emithathu.”

Ikhaya labathunywa bevangeli eJakarta

Malunga nelo xesha, uAzis indoda engumSilamsi yasePadang, kwiNtshona yeSumatra, wabhalela iofisi yesebe efuna imncede azi ngoThixo. UAzis wayefundelwa ngoovulindela baseOstreliya ngeminyaka yoo-1930. Kwathi kwakuphatha amajoni aseJapan, lwaqhawuka unxibelelwano. Ngebhaqo wafumana incwadana eyayipapashwe ngamaNgqina kaYehova. Wabhala wathi: “Xa ndabona idilesi yaseJakarta kuloo ncwadana, umdla wam wavuseleleka!” Ngokukhawuleza iofisi yesebe yathumela uFrans van Vliet ongumveleli wesiphaluka ePadang. Wafumanisa ukuba uAzis wayencokola nommelwane wakhe uNazar Ris, owayefuna nyhani ukwazi ngoThixo. Omabini la madoda kunye neentsapho zawo ayamkela inyaniso. UMzalwana uAzis waba ngumdala webandla othembekileyo. Yena uNazar Ris waba nguvulindlela okhethekileyo, yaye uninzi lwabantwana bakhe ngamaNgqina anenzondelelo.

UFrans van Vliet nodadewabo omncinci uNel

Ngokukhawuleza emva koko, uFrans van Vliet watyelela umzalwana owayepholile ongumDatshi, owayesakha indawo ecoca i-oli eyadilizwa yimfazwe, eBalikpapan, kwiMpuma yeKalimantan. UFrans waya entsimini nalo mzalwana waza wamkhuthaza ukuba aqhube izifundo zeBhayibhile kunye nabantu abaninzi ababenomdla. Lo mzalwana wathi ebuyela eNetherlands, wabe sele eseke iqela elincinane eBalikpapan.

Kamva, omnye udade owayesandul’ ukubhaptizwa, uTiti Koetin, wafudukela eBanjarmasin, kuMzantsi weKalimantan. UTiti washumayela kwizalamane zakhe kummandla ekwakuthethwa isiDayak kuwo, enceda abaninzi bazi inyaniso. Abanye babo babuyela kwiilali zabo ezazikwalapho eKalimantan baza baqalisa amaqela awakhula angamabandla amakhulu.

Kwenziwa Iincwadi Zesi-Indonesia

Njengoko umsebenzi wokushumayela wawusanda ngokukhawuleza, kwafuneka iincwadi zesi-Indonesia ezingakumbi. Ngo-1951, kwaguqulelwa incwadi ethi “UThixo Makabe Ngonenyaniso” ngesi-Indonesia. Abasemagunyeni bahlaziya indlela yokubhala isi-Indonesia, nto leyo eyabangela ukuba nesebe lihlaziye indlela yokuguqulela. * Emva kokuba ikhutshiwe loo ncwadi, abantu abaninzi abafunda isi-Indonesia baba nomdla.

Ngo-1953, iofisi yesebe yaprinta iiMboniselo eziyi-250 ngesi-Indonesia—ezazigqityelwe ukuprintwa kwiminyaka eyi-12 eyadlulayo. Ekuqaleni, le magazini inamaphepha ayi-12 yayinamanqaku afundwayo kuphela. Kwiminyaka emithathu kamva, yayinamaphepha ayi-16, kwaye kwakuprintwa iimagazini eziyi-10 000 ngenyanga yinkampani yangaphandle.

Ngo-1957 kwenziwa uVukani! wesi-Indonesia ophuma kanye ngenyanga. Kwahanjiswa ooVukani! abayi-10 000. Ngenxa yokunqaba kwephepha lokuprinta kwelo lizwe, kwafuneka ukuba abazalwana bafake isicelo selayisensi yephepha. Igosa laseburhulumenteni elaliphethe isicelo sabo lathi: “IMenara Pengawal (IMboniselo) yeyona magazini izigqwese zonke ezaseIndonesia, yaye ndiyakuvuyela ukuninceda ukuba nifumane ilayisensi yephepha lale magazini yenu entsha.”

^ isiqe. 1 Indlela yokubhala isi-Indonesia yahlaziywa kakhulu kangangezihlandlo ezibini ukususela ngo-1945, injongo ephambili ikukusebenzisa sona endaweni yesiDatshi.